13. Kananjalo zonke izidalwa ezisezulwini, naphezu komhlaba, naphantsi komhlaba, naphezu kolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, ndaziva zisithi: Kulowo uhleli etroneni, nakuyo iMvana, Makubekho ukubongwa, nembeko, nozuko, namandla, Kuse emaphakadeni asemaphakadeni.