|
|
1 Chronicles, Chapter 13
1. Wacebisana uDavide nabathetheli bamawaka nabamakhulu, iinganga zonke.
2. Wathi uDavide kwibandla lonke lakwaSirayeli, Ukuba kulungile kuni, ukuba kuvela kuYehova uThixo wethu, masiphange, sithumele kubazalwana bethu abaseleyo emazweni onke akwaSirayeli, kunye nabo ke sithumele kubabingeleli nabaLevi abasemizini yamadlelo abo, ukuba babuthelane kuthi;
3. siyiguqulele kuthi ityeya kaThixo wethu; ngokuba asibuzisanga kuyo ngeemini zikaSawule.
4. Lathi lonke ibandla, Makwenjiwe njalo; ngokuba lalilungile elo zwi emehlweni abantu bonke.
5. Wawabizela ndawonye ke uDavide onke amaSirayeli, wathabathela eShihore yaseYiputa, wada wasa ekungeneni eHamati, ukuba ayithabathe ityeya kaThixo eKiriyati-yeharim.
6. Wenyuka uDavide namaSirayeli onke, waya eBhahala, eyiKiriyati-yeharim eyakwaYuda, ukuba ayinyuse apho ityeya kaThixo onguYehova, onguHleli-ezikerubhini, igama lokunqulwa kwakhe.
7. Bayikhwelisa ityeya kaThixo enqwelweni entsha, ukuphuma endlwini ka-Abhinadabhi; u-Uza noAhiyo bayiqhuba inqwelo.
8. UDavide namaSirayeli onke baqamba phambi koYehova ngamandla onke, ngeengoma, nangeehadi, nangemirhubhe, nangeengqongqo, nangamacangci nangamaxilongo.
9. Baya bafika esandeni sikaKidon; u-Uza wasa isandla sakhe, wayibamba ityeya; ngokuba iinkomo beziyigungqisa.
10. Wavutha umsindo kaYehova ku-Uza, wambetha ngenxa enokuba wasa isandla sakhe etyeyeni; wafela khona phambi koThixo.
11. Kwavutha umsindo kuDavide, ngokuba uYehova emtyhobozele ngotyhobozo u-Uza; wathi loo ndawo yiPeretse-uza, unanamhla.
12. UDavide wamoyika uThixo ngaloo mini, wathi, Ndothini na ukuyizisa kum ityeya kaThixo?
13. UDavide akayisa kuye ityeya emzini kaDavide; wayisonga, wayiphambukisela endlwini kaObhedi-edom waseGati.
14. Yahlala ityeya kaThixo emzini kaObhedi-edom, endlwini yakhe, iinyanga zantathu. UYehova wayisikelela ke indlu kaObhedi-edom, nento yonke anayo.
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|