Bible Study: FrontPage




 

1 Chronicles, Chapter 22

Bible Study - 1 Chronicles 22 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Wathi uDavide, Yiyo le indlu kaYehova uThixo; siso esi isibingelelo sedini elinyukayo sikaSirayeli.
  
2. Wathi uDavide, mabawomele kuye abasemzini abasezweni lakwaSirayeli; wamisa abaqingqi bokuqingqa amatye axholiweyo, okwakha indlu kaThixo.
  
3. UDavide walungisa isinyithi sasininzi sezikhonkwane zeengcango zamasango nesezibandakanyiso; nobhedu lwaluninzi, alwaba nakulinganiswa;
  
4. nemisedare engenakubalwa; ngokuba abaseTsidon nabaseTire bazisa imisedare yamininzi kuDavide.
  
5. Wathi uDavide, USolomon unyana wam mncinane, uthambile; ke indlu eza kwakhelwa uYehova yeyokukhulisa, inyuse igama lakhe nodumo lwakhe emazweni onke; ngoko ke ndokha ndimlungiselele. Walungisa ke kakhulu uDavide phambi kokufa kwakhe.
  
6. Wambiza uSolomon unyana wakhe, wamwisela umthetho wokuba amakhele uYehova, uThixo kaSirayeli, indlu.
  
7. Wathi uDavide kuSolomon, Nyana wam, ndandisithi entliziyweni yam, ndiya kulakhela igama likaYehova uThixo wam indlu.
  
8. Ke lafika kum ilizwi likaYehova, lisithi, Uphalaze igazi lalininzi, wenza iimfazwe ezinkulu; akuyi kulakhela ndlu igama lam, ngokuba uphalaze igazi elininzi ehlabathini phambi kwam.
  
9. Yabona, uya kuzalelwa unyana; yena uya kuba yindoda yoxolo; ndiya kumphumza ezintshabeni zakhe zonke ngeenxa zonke; ngokuba liya kuba nguSolomon igama lakhe, ndiwanike uxolo nokuzola amaSirayeli ngeemini zakhe.
  
10. Nguye oya kulakhela igama lam indlu. Yena uya kuba ngunyana kum, mna ndibe nguyise kuye, ndiyizinzise itrone yobukumkani bakhe kumaSirayeli, kude kuse ephakadeni.
  
11. Kaloku, nyana wam, uYehova makabe nawe, ube nempumelelo, uyakhe indlu kaYehova uThixo wakho, njengoko akuthethileyo ngawe.
  
12. Kodwa ke uYehova makakunike ukuqiqa nokuqonda, akuwisele umthetho ngamaSirayeli, ukuba uwugcine umyalelo kaYehova uThixo wakho.
  
13. Uya kwandula ukuba nempumelelo, xa uthe wakugcina ukuyenza imimiselo namasiko, awathi uYehova wamwisela uMoses umthetho ngawo ngenxa yamaSirayeli. Yomelela ukhaliphe; musa ukoyika, ungaqhiphuki umbilini.
  
14. Uyabona, ngemigudu yam indlu kaYehova ndiyilungisele ikhulu lamawaka eetalente zegolide, nesigidi esinye seetalente zesilivere, nobhedu nesinyithi, into engenakulinganiselwa ukuba ninzi kwayo; ndilungise nemithi namatye; nawe ungongeza kwezozinto.
  
15. Unabo bebaninzi abasebenzi bomsebenzi, abaxholi neengcibi zamatye nezemithi, nabalumkileyo emisebenzini yonke.
  
16. Igolide, nesilivere, nobhedu, nesinyithi, yinto engenakubalwa. SukĀ’ ume, wenze, uYehova abe nawe.
  
17. UDavide wabawisela umthetho bonke abathetheli bakwaSirayeli, ukuba bamncede uSolomon unyana wakhe, wathi,
  
18. Akanani yini na uYehova uThixo wenu, waniphumza ngeenxa zonke? Ngokuba wabanikela esandleni sam abemi belizwe eli; loyiswa ilizwe eli phambi koYehova, naphambi kwabantu bakhe.
  
19. Ke ngoko zinikeleni iintliziyo zenu nemiphefumlo yenu ekumquqeleni uYehova uThixo wenu; sukani nime, niyakhe ingcwele kaYehova uThixo, ningenise ityeya yomnqophiso kaYehova, neempahla ezingcwele zikaThixo, endlwini leyo iya kwakhelwa igama likaYehova.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES