Bible Study: FrontPage




 

1 Chronicles, Chapter 3

Bible Study - 1 Chronicles 3 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ngabo aba oonyana bakaDavide, awabazalelwayo eHebron: owamazibulo ibinguAmnon ka-Ahinowam waseYizereli; owesibini nguDaniyeli ka-Abhigali waseKarmele;
  
2. owesithathu nguAbhisalom unyana kaMahaka, intombi kaTalemayi, ukumkani waseGeshuri; owesine nguAdoniya unyana kaHagiti;
  
3. owesihlanu nguShefatiya ngoAbhitali; owesithandathu nguItram ngoEgela umkakhe.
  
4. Abo bathandathu wabazalelwa eHebron; waba ngukumkani khona iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu. Waba neminyaka emashumi mathathu anamithathu engukumkani eYerusalem.
  
5. Ngabo aba awabazalelwayo eYerusalem: nguShimeha, noShobhabhi, noNatan, noSolomon, bobane, ngoBhateshuwa intombika-Amiyeli;
  
6. nguIbhehare, noElishama, noElifelete,
  
7. noNoga, noNefege, noYafiya,
  
8. noElishama, noEliyada, noElifelete; basithoba.
  
9. Bebonke oonyana bakaDavide ngabo abo, bengabalwa oonyana bamashweshwe; nodade wabo ibinguTamare.
  
10. Unyana kaSolomon ibinguRehabheham; nguAbhiya unyana wakhe; nguAsa unyana wakhe; nguYoshafate unyana wakhe;
  
11. nguYoram unyana wakhe; nguAhaziya unyana wakhe; nguYowashe unyana wakhe;
  
12. nguAmatsiya unyana wakhe; nguAzariya unyana wakhe; nguYotam unyana wakhe;
  
13. nguAhazi unyana wakhe; nguHezekiya unyana wakhe; nguManase unyana wakhe;
  
14. nguAmon unyana wakhe; nguYosiya unyana wakhe.
  
15. Oonyana bakaYosiya nguYohanan, amazibulo akhe, nguYoyakim owesibini, nguZedekiya owesithathu, nguShalum owesine.
  
16. Oonyana bakaYoyakim nguYekoniya unyana wakhe; nguZedekiya unyana wakhe.
  
17. Oonyana bakaYekoniya nguAsire, nguShelatiyeli unyana wakhe,
  
18. noMalekiram, noPedaya, noShenatsare, noYekamiya, noHoshama, noNedabhiya.
  
19. Oonyana bakaPedaya ngooZerubhabheli noShimehi. Oonyana bakaZerubhabheli ngooMeshulam, noHananiya, benoShelomiti udade wabo;
  
20. noHashubha, no-Oheli, noBherekiya, noHasadiya, noYushabhi-hesede; bahlanu.
  
21. Oonyana bakaHananiya ngooPelatiya noYesaya; oonyana bakaRefaya; oonyana baka-Arnan; oonyana bakaObhadiya; oonyana bakaShekaniya.
  
22. Oonyana bakaShekaniya nguShemaya; oonyana bakaShemaya ngooHatushe, noIgali, noBhariya, noNeyariya, noShafati; bathandathu.
  
23. Oonyana bakaNeyariya ngooEliyohenayi, noHezekiya, noAzerikam; bathuthu.
  
24. Oonyana bakaEliyohenayi ngooHodaya, noEliyashibhi, noPelaya, noAkubhi, noYohanan, noDelaya, noAnani; basixhenxe.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES