Bible Study: FrontPage




 

1 Chronicles, Chapter 6

Bible Study - 1 Chronicles 6 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Oonyana bakaLevi nguGershon, noKehati, noMerari.
  
2. Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli.
  
3. Abantwana baka-Amram ngooAron, noMoses, noMiriyam. Oonyana baka-Aron ngooNadabhi, noAbhihu, nguElazare, noItamare.
  
4. UElazare wazala uPinehasi, uPinehasi wazala uAbhishuwa;
  
5. uAbhishuwa wazala uBhuki; uBhuki wazala u-Uzi;
  
6. u-Uzi wazala uZeraya; uZeraya wazala uMerayoti;
  
7. uMerayoti wazala uAmariya; uAmariya wazala uAhitobhi;
  
8. uAhitobhi wazala uTsadoki; uTsadoki wazala uAhimahatse;
  
9. uAhimahatse wazala uAzariya; uAzariya wazala uYohanan;
  
10. uYohanan wazala uAzariya, (yena ke ebengumbingeleli endlwini awayakhayo uSolomon eYerusalem);
  
11. uAzariya wazala uAmariya; uAmariya wazala uAhitubhi;
  
12. uAhitubhi wazala uTsadoki uTsadoki wazala uShalum;
  
13. uShalum wazala uHilekiya; uHilekiya wazala uAzariya;
  
14. uAzariya wazala uSeraya; uSeraya wazala uYotsadaki;
  
15. uYotsadaki wahamba, akuwafudusa uYehova amaYuda neYerusalem ngoNebhukadenetsare.
  
16. Oonyana bakaLevi nguGershom, noKehati, noMerari.
  
17. Ngawo la amagama oonyana bakaGershom: nguLibheni noShimehi.
  
18. Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli.
  
19. Oonyana bakaMerari nguMaheli noMushi. Yiyo ke leyo imizalwane kaLevi, ngokwezindlu zooyise.
  
20. KuGershom: nguLibheni unyana wakhe, nguYahati unyana wakhe, nguZima unyana wakhe,
  
21. nguYowa unyana wakhe, nguIdo unyana wakhe, nguZera unyana wakhe, nguYehatrayi unyana wakhe.
  
22. Oonyana bakaKehati nguAminadabhi unyana wakhe, nguKora unyana wakhe, nguAsire unyana wakhe,
  
23. nguElikana unyana wakhe, noEbhiyasefu unyana wakhe, noAsire unyana wakhe,
  
24. nguTahati unyana wakhe, ngu-Uriyeli unyana wakhe, ngu-Uziya unyana wakhe, nguSawule unyana wakhe.
  
25. Oonyana bakaElikana nguAmasayi noAhimoti.
  
26. KuElikana: oonyana bakaElikana nguTsofayi unyana wakhe, noNahati unyana wakhe,
  
27. nguEliyabhi unyana wakhe, nguYoram unyana wakhe, nguElikana unyana wakhe.
  
28. Oonyana bakaSamuweli nguVashni amazibulo akhe, noAbhiya.
  
29. Oonyana bakaMerari nguMaheli, nguLibheni unyana wakhe, nguShimehi unyana wakhe, ngu-Uza unyana wakhe,
  
30. nguShimeha unyana wakhe, nguHagiya unyana wakhe, nguAsaya unyana wakhe.
  
31. Aba ngabo wabaphathisayo uDavide ingoma endlwini kaYehova, kususela koko yaphumlayo ityeya.
  
32. Balungiselela ngengoma phambi komnquba oyintente yokuhlangana, wada uSolomon wayakha indlu kaYehova eYerusalem; bema ngokwesiko labo enkonzweni yabo.
  
33. Aba ngabo bema noonyana babo. Kubo oonyana bakaKehati nguHeman imvumi, unyana kaYoweli, unyana kaShemuweli,
  
34. unyana kaElikana, unyana kaYeroham, unyana kaEliyeli, unyana kaToha,
  
35. unyana kaTsufi, unyana kaElikana, unyana kaMahati, unyana ka-Amasayi,
  
36. unyana kaElikana, unyana kaYoweli, unyana ka-Azariya, unyana kaZefaniya,
  
37. unyana kaTahati, unyana ka-Asire, unyana ka-Abhiyasefu, unyana kaKora,
  
38. unyana kaItsare, unyana kaKehati, unyana kaLevi, unyana kaSirayeli.
  
39. Ke umzalwana wakhe uAsafu wema ngasekunene kwakhe: uAsafu unyana kaBherekiya, unyana kaShimeha,
  
40. unyana kaMikayeli, unyana kaBhahaseya, unyana kaMalekiya,
  
41. unyana kaEteni, unyana kaZera, unyana ka-Adaya,
  
42. unyana kaEtan, unyana kaZima, unyana kaShimehi,
  
43. unyana kaYahati, unyana kaGershom, unyana kaLevi.
  
44. Abazalwana babo, oonyana bakaMerari, bema ngasekhohlo: uEtan unyana kaKishi, unyana ka-Abhedi, unyana kaMuluki,
  
45. unyana kaHashabhiya, unyana ka-Amatsiya, unyana kaHilekiya,
  
46. unyana ka-Amtsi, unyana kaBhani, unyana kaShemere,
  
47. unyana kaMaheli, unyana kaMushi, unyana kaMerari, unyana kaLevi.
  
48. Abazalwana babo, abaLevi, babemiselwe umsebenzi wonke womnquba wendlu kaThixo.
  
49. Ke uAron noonyana bakhe babeqhumisela esibingelelweni sedini elinyukayo, nasesibingelelweni sesiqhumiso, bengabomsebenzi wonke wengcwele kangcwele, bacamagushele amaSirayeli, ngokoko konke wawisa umthetho ngako uMoses, umkhonzi kaThixo.
  
50. Ngabo aba oonyana baka-Aron: nguElazare unyana wakhe, nguPinehasi unyana wakhe, nguAbhishuwa unyana wakhe,
  
51. nguBhuki unyana wakhe, ngu-Uzi unyana wakhe, nguZeraya unyana wakhe,
  
52. nguMerayoti unyana wakhe, nguAmariya unyana wakhe, nguAhitubhi unyana wakhe,
  
53. nguTsadoki unyana wakhe, nguAhimahatse unyana wakhe.
  
54. Ngawo la amakhaya abo ngokweengqili zabo, emideni yabo, ezoonyana baka-Aron, ngokwemizalwane kaKehati; ngokuba laba lelabo iqashiso:
  
55. babanika owaseHebron ezweni lakwaYuda, namadlelo awo ngeenxa zonke;
  
56. ke wona amasimi omzi lowo nemizana yawo bawanika uKalebhi, unyana kaYefune.
  
57. Babanika oonyana baka-Aron imizi yokusabela: owaseHebron, neLibhena namadlelo ayo, neYatire, ne-Eshtemowa; namadlelo ayo,
  
58. neHilen namadlelo ayo, neDebhire namadlelo ayo,
  
59. neAshan namadlelo ayo, neBhete-shemeshe namadlelo ayo.
  
60. Esizweni sakwaBhenjamin: iGebha namadlelo ayo, neAlemete namadlelo ayo, neAnatoti namadlelo ayo. Yonke imizi yabo ngokwemizalwane yabo yabe iyimizi elishumi elinamithathu.
  
61. Oonyana bakaKehati abaseleyo banikwa emzalwaneni wesizwe sakwaEfrayim, nasesizweni sakwaDan, nasesiqingatheni sesizwe sakwaManase, ngeqashiso imizi elishumi.
  
62. Oonyana bakaGershom ngokwemizalwane yabo banikwa esizweni sakwaIsakare, nasesizweni sakwa-Ashere, nasesizweni sakwaNafetali, nasesizweni sakwaManase eBhashan, imizi yalishumi elinamithathu.
  
63. Oonyana bakaMerari ngokwemizalwane yabo banikwa esizweni sakwaRubhen, nasesizweni sakwaGadi, nasesizweni sakwaZebhulon, ngeqashiso imizi elishumi elinamibini.
  
64. Oonyana bakaSirayeli babanika abaLevi imizi namadlelo ayo.
  
65. Babanika ngeqashiso esizweni soonyana bakaYuda, nasesizweni soonyana bakaSimon, nasesizweni soonyana bakaBhenjamin, yona le mizi ibiziweyo ngamagama ayo.
  
66. Ke emizalwaneni yoonyana bakaKehati kwabakho imizi yemida yabo esizweni sakwaEfrayim.
  
67. Babanika imizi yokusabela: owakwaShekem namadlelo awo ezintabeni zakwaEfrayim, neGezere namadlelo ayo,
  
68. neYokemeham namadlelo ayo, neBhete-horon namadlelo ayo;
  
69. neAyalon namadlelo ayo, neGati-rimon namadlelo ayo;
  
70. nasesiqingatheni sesizwe sakwaManase: iAnere namadlelo ayo, neBhileham namadlelo ayo, ngokomzalwane woonyana bakaKehati abaseleyo.
  
71. Oonyana bakaGershom banikwa emzalwaneni wesiqingatha sesizwe sakwaManase: iGolan yaseBhashan namadlelo ayo, neAshtaroti namadlelo ayo;
  
72. nasesizweni sakwaIsakare: iKedeshe namadlelo ayo, neDabherati namadlelo ayo,
  
73. neRamoti namadlelo ayo, neAnem namadlelo ayo;
  
74. nasesizweni sakwa-Ashere: iMashale namadlelo ayo, neAbhedon namadlelo ayo,
  
75. neHukoki namadlelo ayo, neRehobhi namadlelo ayo;
  
76. nasesizweni sakwaNafetali: iKedeshe yaseGalili namadlelo ayo, neHamon namadlelo ayo, neKiriyatayim namadlelo ayo.
  
77. Abaseleyo kubaLevi koonyana bakaMerari banikwa esizweni sakwaZebhulon: iRimono namadlelo ayo, neTabhore namadlelo ayo;
  
78. naphesheya kweYordan ngaseYeriko, ngasempumalanga kweYordan esizweni sakwaRubhen: iBhetsere esentlango namadlelo ayo, neYatsa namandlelo ayo,
  
79. neKedemoti namadlelo ayo, neMefahata namadlelo ayo;
  
80. nasesizweni sakwaGadi: iRamoti yaseGiliyadi namadlelo ayo, neMahanayim namadlelo ayo,
  
81. neHeshbhon namadlelo ayo, neYazere namadlelo ayo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES