Bible Study: FrontPage




 

1 Corinthians, Chapter 2

Bible Study - 1 Corinthians 2 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Mna ke, ndakuba ndizile kuni, bazalwana, andizanga ngabugcisa bakuthetha nabulumko, ndinazisa ubungqina bukaThixo.
  
2. Kuba ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguYesu Kristu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni.
  
3. Mna kuni ndafika ndaba ngothambileyo, onokoyika, onokugubha okukhulu.
  
4. Nokuthetha kwam, nokuvakalisa kwam uKristu kube kungengamazwi oyisa ngabulumko babantu; bekungokuqondakalisa koMoya nokwamandla,
  
5. ukuze ukholo lwenu lungabi sebulumkweni babantu, lube semandleni kaThixo.
  
6. Ke sithetha ubulumko phakathi kwabagqibeleleyo, ubulumko ke obungebubo obeli phakade, nobabaphathi beli phakade ababhangayo.
  
7. Sithetha ubulumko bukaThixo obusemfihlekweni, obo ke bufihlakeleyo, awathi uThixo ngenxa engaphambili, kwangaphambi kwawo amaphakade, wabumisela uzuko lwethu;
  
8. ekungabangakho namnye wabaphathi beli phakade ubaziyo (kuba, ukuba babebazi, ngebengayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi yozuko),
  
9. njengoko ke kubhaliweyo, kwathiwa, Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, Nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, Zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo.
  
10. UThixo wazityhila kuthi ke ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, neenzulu zikaThixo.
  
11. Kuba nguwuphi na kubantu ozaziyo izinto zomntu, ingenguwo umoya womntu okuye? Ngokunjalo nezinto zikaThixo akukho namnye uzaziyo, ingenguye uMoya kaThixo.
  
12. Ke thina asamkelanga moya wehlabathi; samkele uMoya ophuma kuye uThixo, ukuze sizazi izinto esazibabalwa nguThixo;
  
13. esizithethayo nokuzithetha, kungengamazwi anokufundiswa bubulumko babantu, kungawo anokufundiswa nguMoya oyiNgcwele: izinto ezizezomoya sizilungelelanisa namazwi la angawomoya.
  
14. Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo; kuba zibubudenge kuye; kanjalo akanakuzazi, ngokuba ziphicothwa ngokoMoya.
  
15. Ke ongowoMoya okunene uphicotha zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akaphicothwa mntu.
  
16. Kuba ngubani na oyaziyo ingqiqo yeNkosi, oya kuthi ayifundise? Thina ke sinengqiqo kaKristu.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES