Bible Study: FrontPage




 

1 Samuel, Chapter 13

Bible Study - 1 Samuel 13 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. USawule ebeneminyaka ezelwe, akuba ngukumkani, waba ngukumkani kumaSirayeli iminyaka emibini.
  
2. USawule wazinyulela amawaka amathathu kumaSirayeli; amawaka amabini ayenoSawule eMikmas nakweleentaba laseBheteli, iwaka elinye laye linoYonatan eGibheha yakwaBhenjamin. Abantu abaseleyo wabandulula, baya elowo ententeni yakhe.
  
3. UYonatan wayoyisa ikampu yamaFilisti eseGebha, eva amaFilisti. USawule wavuthela ngesigodlo ezweni lonke, esithi, Makeve amaHebhere.
  
4. AmaSirayeli onke eva kusithiwa, USawule uyoyisile ikampu yamaFilisti; kananjalo amaSirayeli azinukisile kumaFilisti. Abantu bahlatyelwa umkhosi, beza bamlandela uSawule baya eGiligali.
  
5. AmaFilisti azihlanganisela ukulwa namaSirayeli: iinqwelo zokulwa zaba ngamashumi omathathu amawaka, nabamahashe bangamawaka amathandathu, abantu bangangentlabathi eselunxwemeni lolwandle ukuba baninzi; anyuka ke amisa iintente eMikmas phambi kweBhetaven.
  
6. Abona amadoda akwaSirayeli ukuba abandezelekile (kuba abantu bebefingiwe), abantu bazimela emiqolombeni, nasezimfanteni, nasezingxondorheni, nasemiweweni, nasemihadini.
  
7. Ke kaloku kwawela amaHebhere eYordan, aya ezweni lakwaGadi nelaseGiliyadi. Ke yena uSawule ebeseseGiligali; abantu bonke bamlandela begubha.
  
8. Walinda iintsuku zasixhenxe, ngokwexesha elibe limisiwe nguSamuweli, akafika uSamuweli eGiligali; bamphalala abantu bemka kuye.
  
9. Wathi uSawule, Zisani kum idini elinyukayo nemibingelelo yoxolo. Wenyusa idini elinyukayo.
  
10. Kwathi, xa agqibileyo ukulinyusa idini elinyukayo, nanko uSamuweli efika; waphuma uSawule waya kumkhawulela, ukuba ambulise.
  
11. Wathi uSamuweli, Yintoni le uyenzileyo? Wathi uSawule, Kungokuba bendibona abantu bendiphalala, besimka kum, nawe ungafiki ngexesha elibe limisiwe, namaFilisti ehlanganiselana eMikmas;
  
12. ndathi, Kaloku amaFilisti aya kuda ehle eze kum eGiligali, ndingambongozanga uYehova; ndazinyanzela, ndalinyusa idini elinyukayo.
  
13. Wathi uSamuweli kuSawule, Wenze ngobudenge; akuwugcinanga umthetho kaYehova uThixo wakho awakuwiselayo; ngokuba uYehova ange ebuzinzisile kaloku ubukumkani bakho kwaSirayeli, kude kuse ephakadeni.
  
14. Ke ngoko ubukumkani bakho abusayi kuma. UYehova uzifunele indoda engantliziyo yakhe; wayimisa uYehova ukuba ibe yinganga yabantu bakhe; ngokuba akukugcinanga oko uYehova akuwisele umthetho ngako.
  
15. Wesuka uSamuweli wenyuka, wemka eGiligali, waya eGibheha yakwaBhenjamin. USawule wababala abantu abafunyenwe benaye, bengamadoda akumakhulu amathandathu.
  
16. USawule, noYonatan unyana wakhe, nabantu abafunyenwe benabo, bahlala eGibheha yakwaBhenjamin. AmaFilisti amisa iintente eMikmas.
  
17. Kwaphuma amatutu emkhosini wamaFilisti, engamaqela amathathu: elinye iqela labheka ngendlela yaseOfra ezweni lakwaShuwali;
  
18. elinye iqela labheka endleleni yaseBhete-horon; elinye iqela labheka endleleni yasemdeni ovelela umfula weTsebhoyim, uye entlango.
  
19. Ke bekungekho mkhandi ezweni lonke lakwaSirayeli; ngokuba amaFilisti ebesithi, Aya kuze amaHebhere enze amakrele neentshuntshe.
  
20. AmaSirayeli onke abesihla aye kumaFilisti, alole elowo isikhali sakhe, nesitshetshe sepuluwa yakhe, nezembe lakhe, negaba lakhe,
  
21. zakuba nezikhewu iintlangothi zamagaba, nezezitshetshe zeepuluwa, nezeefolokhwe, nezamazembe, nezokubaza iimviko.
  
22. Kwathi ke ngomhla wokulwa, akwafunyanwa krele nantshuntshe esandleni sabantu bonke ababenoSawule noYonatan; ke kuSawule noYonatan unyana wakhe bezikho.
  
23. Kwaphuma amaFilisti ekampini, aya engxingweni yaseMikmas.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES