Bible Study: FrontPage




 

1 Samuel, Chapter 15

Bible Study - 1 Samuel 15 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Wathi uSamuweli kuSawule, UYehova wandithuma ukuba ndikuthambise ube ngukumkani kubantu bakhe, kumaSirayeli. Waphulaphule ke ngoko amazwi kaYehova.
  
2. Utsho uYehova wemikhosi, ukuthi, Ndikukhangele konke awakwenzayo ama-Amaleki kumaSirayeli, okokuba awathintelayo endleleni ekunyukeni kwawo eYiputa.
  
3. Yiya ngoko, uwaxabele ama-Amaleki, nikusingele phantsi konke anako, ningawacongi; uze ubulale, uthabathela kwindoda use kwinkazana, uthabathela kolunyulweyo use kowanyayo, uthabathela kwinkomo use kwimvu, uthabathela kwinkamela use kwiesile.
  
4. Wababiza ke abantu, wababala eTelayim; amabini amakhulu amawaka omqikela; alishumi lamawaka amadoda akwaYuda.
  
5. USawule wafika kumzi wama-Amaleki walalela esihlanjeni.
  
6. Wathi uSawule kumaKeni, Hambani nihle, nimke kuma-Amaleki, hleze ndiniquke nawo; nina nabenzela inceba bonke oonyana bakaSirayeli ekunyukeni kwabo eYiputa. Emka ke amaKeni kuma-Amaleki.
  
7. USawule wawaxabela ama-Amaleki, wathabathela eHavila wada waya eShure, ekhangelene neYiputa.
  
8. Wambamba uAgagi ukumkani wama-Amaleki ehleli, wabasingela phantsi bonke abantu ngohlangothi lwekrele.
  
9. USawule nabantu bamsindisa uAgagi, neyona ilungileyo impahla emfutshane, neenkomo, neyalekelwayo, neemvana, izinto zonke ezilungileyo abavuma ukuzisingela phantsi zona; ke yonke impahla edelekileyo, egxugxileyo, bayisingela phantsi.
  
10. Lafika ilizwi likaYehova kuSamuweli, lisithi,
  
11. Ndiyazohlwaya ngenxa yokuba ndimenzile uSawule ukumkani; ngokuba ebuyile ekundilandeleni, akalifeza ilizwi lam. Wavutha ngumsindo uSamuweli, wakhala kuYehova ubusuku bonke.
  
12. Wavuka kusasa uSamuweli, waya kukhawulela uSawule kusasa. Waxelelwa uSamuweli kwathiwa, USawule uzeeKarmele; nanko ezimisele isikhumbuzo, ejike wegqitha, wehla waya eGiligali.
  
13. USamuweli waya kuSawule; uSawule wathi kuye, Mawusikelelwe nguYehova; ndilifezile ilizwi likaYehova.
  
14. Wathi uSamuweli, Liyintoni na eli lizwi lempahla emfutshane lisezindlebeni zam, noku kukhonya kweenkomo ndikuvayo?
  
15. Wathi uSawule, Zezi bavela nazo kuma-Amaleki; ngokuba abantu bayisindisile eyona ilungileyo impahla emfutshane neenkomo, ukuze babingelele kuYehova uThixo wakho; ezinye sazisingela phantsi.
  
16. Wathi uSamuweli kuSawule, Yeka, ndikuxelele akuthethileyo uYehova kum ngobu busuku. Wathi kuye, Thetha.
  
17. Wathi uSamuweli, Akubanga yintloko yezizwe zakwaSirayeli yini na, uzeyile wena? Wakuthambisa uYehova ukuba ngukumkani kumaSirayeli.
  
18. UYehova wakuthuma ngendlela, wathi, Hamba uye kutshabalalisa aboni abo ama-Amaleki; ulwe nawo ude uwagqibe.
  
19. Yini na ke ukuba ungaliphulaphuli ilizwi likaYehova, usuke uziphose emaxhobeni, wenze okubi emehlweni kaYehova?
  
20. Wathi uSawule kuSamuweli, Hayi, ndiliphulaphule ilizwi likaYehova, ndahamba ngendlela abendithume ngayo uYehova, ndamzisa uAgagi ukumkani wama-Amaleki, ndawatshabalalisa ama-Amaleki.
  
21. Besuka abantu bathabatha emaxhobeni: impahla emfutshane, neenkomo, neyona inentlahla kwizinto ezisingelwe phantsi, ukuze babingelele kuYehova, uThixo wakho, eGiligali.
  
22. Wathi uSamuweli, UYehova unonelele amadini anyukayo nemibingelelo, ngangokuba enonelele ukuphulaphulwa kwezwi likaYehova, yini na? Yabona, ukuphulaphula kulungile ngaphezu kombingelelo, nokubaza iindlebe kulungile ngaphezu kwamanqatha eenkunzi zeegusha.
  
23. Ngokuba ukuba neenkani kusisono esinjengokuvumisa, ubungqola bunjengenkonzo yezithixo nemilondekhaya. Ngenxa yokuba ulicekisile ilizwi likaYehova, naye ukucekisile ukuba ungabi kumkani.
  
24. Wathi uSawule kuSamuweli, Ndonile; ngokuba ndigqithile emthethweni kaYehova naselizwini lakho; kuba bendisoyika abantu, ndaphulaphula izwi labo.
  
25. Khawusixolele ngoko isono sam; buya nam, ndiye ndimnqule uYehova.
  
26. Wathi uSamuweli kuSawule, Andiyi kubuya nawe; ngokuba ulicekisile ilizwi likaYehova, naye uYehova ukucekisile, ukuba ungabi kumkani kumaSirayeli.
  
27. Wathi akuthi guququ uSamuweli ukuba emke, wabamba isondo lengubo yakhe yokwaleka, lakrazuka.
  
28. Wathi uSamuweli kuye, UYehova ukukrazule kuwe namhla ubukumkani bakwaSirayeli, wabunika ummelwane wakho olungileyo kunawe.
  
29. Kananjalo uQele-likaSirayeli akaxoki, akazohlwayi; ngokuba akangumntu ukuba azohlwaye.
  
30. Wathi yena, Ndonile; wosewundizukisa phambi kwamadoda amakhulu abantu bakowethu, naphambi kwamaSirayeli, ubuye nam, ndimnqule uYehova, uThixo wakho.
  
31. Wabuya ke uSamuweli, walandela uSawule; uSawule wamnqula uYehova.
  
32. Wathi uSamuweli, Mziseni apha kum uAgagi, ukumkani wama-Amaleki. Waya uAgagi kuye echwayithile. Wathi uAgagi, Inene, bugqithile ubukrakra bokufa.
  
33. Wathi uSamuweli, Njengokuba ikrele lakho labahluthayo abafazi abantwana babo, uya kwenjiwa njalo unyoko phakathi kwabafazi, ukuhluthwa abantwana. USamuweli wamxhaxha uAgagi phambi koYehova eGiligali.
  
34. Waya uSamuweli eRama; uSawule wenyuka waya endlwini yakhe eGibheha yakwaSawule.
  
35. USamuweli akabuyanga abonane noSawule, kwada kwayimini yokufa kwakhe; kuba uSamuweli wamlilela uSawule. Wazohlwaya uYehova ngenxa yokuba ebemenze uSawule ukumkani kwaSirayeli.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES