Bible Study: FrontPage




 

1 Samuel, Chapter 31

Bible Study - 1 Samuel 31 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. AmaFilisti ke ayesilwa namaSirayeli; asaba amadoda akwaSirayeli phambi kwamaFilisti, awa angxwelerhiweyo ezintabeni zeGilibhowa.
  
2. AmaFilisti athana mbende noSawule noonyana bakhe; amaFilisti ambulala uYonatan, noAbhinadabhi, noMalekishuwa, oonyana bakaSawule.
  
3. Kwaba nzima ukulwa kuSawule; bamfumana abatoli, amadoda anesaphetha, wathuthumela kakhulu ngenxa yabatoli.
  
4. Wathi uSawule kumphathi weentonga zakhe, Rhola ikrele lakho, undihlabe ngalo, hleze aba bangalukileyo beze bandihlabe amahlanza, bafekethe ngam. Ke umphathi weentonga zakhe akavumanga; ngokuba ebesoyika kunene. Walithabatha ke uSawule ikrele, wawa phezu kwalo.
  
5. Wabona umphathi weentonga zakhe ukuba ufile uSawule, wawa naye phezu kwekrele lakhe, wafa kunye naye.
  
6. Wafa ke uSawule, noonyana bakhe bobathathu, nomphathi weentonga zakhe, namadoda akhe onke ngaloo mini, ndaweni-nye.
  
7. Abona amadoda akwaSirayeli, abengaphesheya kwentili, nabengaphesheya kweYordan, ukuba asabile amadoda akwaSirayeli, ufile uSawule noonyana bakhe. Ayishiya imizi leyo, asaba; eza amaFilisti, ahlala kuyo.
  
8. Kwathi ngengomso amaFilisti eza kubhunyula ababebulewe. Amfumana uSawule noonyana bakhe bobathathu, bewile ezintabeni zeGilibhowa.
  
9. Amnqumla intloko, aziphanga iintonga zakhe, athumela elizweni lamaFilisti ngeenxa zonke, ukuba kushunyayelwe iindaba ezilungileyo ezindlwini zezithixo zawo nasebantwini.
  
10. Azibeka iintonga zakhe ezindlwini zooAshtaroti; awubuthelela umzimba wakhe eludongeni lwaseBhete-shan.
  
11. Beva abemi baseYabheshe yaseGiliyadi akwenzileyo amaFilisti kuSawule;
  
12. esuka onke amadoda anobukroti, ahamba ubusuku bonke, awuthabatha umzimba kaSawule, nemizimba yoonyana bakhe, eludongeni lwaseBhete-shan; eza eYabheshe, ayitshisa khona.
  
13. Awathabatha amathambo abo, awangcwabela phantsi komtamariske eYabheshe; azila ukudla iintsuku zasixhenxe.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES