|
|
1 Timothy, Chapter 2
1. Ndiyavuselela ngoko kuqala kwiinto zonke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo, izibongozo, imibulelo, ngenxa yabantu bonke;
2. ngenxa yookumkani nabo bonke abasekongameni, ukuze sihlale ngokonwaba nangokuzola, sinokuhlonela uThixo, nokundileka konke.
3. Kuba oku kuhle, kwamkelekile emehlweni oMsindisi wethu uThixo;
4. onga yena bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso.
5. Kuba mnye uThixo; mnye nomlamli phakathi koThixo nabantu, umntu uKristu Yesu,
6. lowo wazinikelayo ukuba abe yintlawulelo yokukhulula abantu bonke; ubungqina ke obo bokungqinwa ngamaxesha angawabo;
7. endithe ndamiselwa bona mna, ukuba ndibe ngumshumayeli nompostile (ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki), umfundisi weentlanga elukholweni nasenyanisweni.
8. Ngoko ndinga angathandaza amadoda kuzo zonke iindawo, ephakamisa izandla ezingcwele, engenangqumbo, engenantandabuzo.
9. Kwangokunjalo mabathi nabafazi banxibe iingubo ezifanelekileyo, beneentloni, benesidima, ingabi kukuphotha iinwele, nokunxitywa kwegolide neeperile, nesambatho esixabiso likhulu;
10. mabathi (ngokufanele abafazi abathi bahlonela uThixo), bavathe imisebenzi elungileyo.
11. Umfazi, ezolile, makafunde ethobele konke.
12. Umfazi ke andimvumeli ukuba afundise, nokuba ayilawule indoda; makazole.
13. Kuba kwabunjwa uAdam kuqala, kwandula ke ukubunjwa uEva.
14. Kanjalo akulukuhlwanga Adam; kulukuhlwe umfazi, waba sekugqitheni.
15. Noko ke wosindiswa ngokuzala, ukuba bathe bema elukholweni, naseluthandweni, nasebungcwaliseni, benesidima.
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|