Bible Study: FrontPage




 

1 Timothy, Chapter 5

Bible Study - 1 Timothy 5 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Indoda enkulu musa ukuyithethisa kabukhali, yiyale njengoyihlo; amancinane, njengabazalwana;
  
2. abafazi abakhulu, njengoonyoko; abancinane, njengoodade, unobunyulu bonke.
  
3. Babeke abahlolokazi abangabahlolokazi ngenene.
  
4. Ke ukuba kukho mhlolokazi uthile unabantwana, nokuba ngabazukulwana, ukuqala mabafunde ukuhlonela elabo ikhaya, bababuyekezele umbuyekezo ooninakhulu; kuba oko kuhle, kwamkelekile emehlweni kaThixo.
  
5. Ke yena ongumhlolokazi ngenene, eshiywe yedwa, uthembela kuThixo; uhlala ehleli ekukhungeni nasemithandazweni ubusuku nemini.
  
6. Kodwa yena oxhamla iziyolo ufile, nakuba ngathi udla ubomi.
  
7. Bathethele ezi zinto, ukuze bangabi nakukhalazeleka.
  
8. Ukuba ke umntu akabakhathalele abakhe, ngokukodwa abendlu yakhe, ulukhanyele ukholo, unobubi ngaphezu kongakholwayo.
  
9. Makangabalelwa enanini labahlolokazi umhlolokazi ongaphantsi kweminyaka emashumi mathandathu; owayengumfazi wandoda-nye,
  
10. engqinelwe ngemisebenzi emihle, ukuba wondle abantwana, ukuba wamkele iindwendwe, ukuba uzihlambile iinyawo zabangcwele, ukuba ubasizile ababandezelweyo, ukuba usukelene nemisebenzi yonke elungileyo.
  
11. Ke bona abahlolokazi abatsha bamangale; kuba xa bathe badimala nguKristu, bothanda ukwenda;
  
12. benesigwebo sokuba balutshitshisile ukholo lokuqala.
  
13. Kunye noko ke bafunda ukungasebenzi nto, bethungelana nezindlu; banganeli kungasebenzi nto kodwa, basuka kananjalo babe ngamapholopholo, bazifake kwizinto zabanye, bathethe izinto ezingafanelekileyo.
  
14. Ngoko ndinga abahlolokazi abatsha bangenda, bazale, babe ngabanikazi-mizi, bangamniki ochasayo nalinye ithuba lokutshabhisa.
  
15. Kuba inxenye iseyiphambukele emva koSathana.
  
16. Ukuba kukho ikholwa, nokuba likholwakazi, elinabahlolokazi, malibasize, lize ibandla lingasindwa, ukuze lona lisize abangabahlolokazi ngenene.
  
17. Amadoda amakhulu, awongamela kakuhle, makabalelwe ekuthini afanelwe yimbeko ephindwe kabini, ngokukodwa lawo abulalekayo elizwini nasemfundisweni.
  
18. Kuba sitsho isibhalo ukuthi, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula; nokuthi, Umsebenzi uwufanele umvuzo wakhe.
  
19. Ukumangalelwa kwendoda enkulu musa ukukwamkela, kungabangakho mangqina mabini nokuba mathathu.
  
20. Abo bonayo, bohlwaye emehlweni abantu bonke, ukuze nabanye aba babe nokoyika.
  
21. Ndiyakuqononondisa emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, nezithunywa zezulu ezinyuliweyo, ukuba uzigcine ezi zinto ungaqali ugwebe, ungenzi nto ngokwayama bani.
  
22. Ungangxami ubeke izandla phezu kukabani, kanjalo ungadlelani nabanye ngezono zabo; zigcine nyulu.
  
23. Musa ukuba sasela manzi; sela intwana yewayini, ngenxa yesisu sakho, nobulwelwe bakho obufuthi.
  
24. Izono zabanye abantu zisekuhleni kanye, ziyandulela ukuya emgwebeni; abanye ke ziyabalandela nokubalandela.
  
25. Kwangokunjalo nemisebenzi emihle isekuhleni kanye, naleyo ingenjalo ayinako ukufihlakala.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES