Bible Study: FrontPage




 

2 Chronicles, Chapter 27

Bible Study - 2 Chronicles 27 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. UYotam ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamithandathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguYerusha intombi kaTsadoki.
  
2. Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo u-Uziya uyise; kodwa akangenanga etempileni kaYehova; ke abantu bona babesabenza ububi.
  
3. Yena walakha isango eliphezulu lendlu kaYehova; wakha kakhulu naseludongeni lwaseOfele.
  
4. Wakha imizi kweleentaba lakwaYuda, nasemahlathini wakha iinqaba neemboniselo.
  
5. Walwa noonyana baka-Amon, waboyisa. Oonyana baka-Amon bamnika ngaloo mnyaka ikhulu leetalente zesilivere, neshumi lamawaka eekore zengqolowa, neshumi lamawaka erhasi. Oko baphinda bakuzisa kuye oonyana baka-Amon ngomnyaka wesibini nangowesithathu.
  
6. Womelela ke uYotam; ngokuba waziqinisela iindlela zakhe phambi koYehova uThixo wakhe.
  
7. Ezinye izinto zikaYotam, neemfazwe zakhe zonke, neendlela zakhe, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda.
  
8. Ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamithandathu engukumkani eYerusalem.
  
9. UYotam walala kooyise; bamngcwabela emzini kaDavide; uAhazi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES