Bible Study: FrontPage




 

2 Corinthians, Chapter 13

Bible Study - 2 Corinthians 13 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Oku kokwesithathu ndisiza kuni. Onke amazwi aya kumiswa ngomlomo wamangqina amabini, nokuba mathathu.
  
2. Sendixele kade, ndixela ngenxa engaphambili, njengoko ndandikho okwesibini, nanjengoku ndingekhoyo ngoku, ndibaxelela abo bone kade, nabanye bonke, okokuba xa ndithe ndabuya ndafika, andiyi kubaconga;
  
3. ekubeni nifuna isiganeko sokuthetha kukaKristu phakathi kwam, ongaswele amandla ngokusingisele kuni, onamandla phakathi kwenu.
  
4. Kuba, nakuba wabethelelwayo emnqamlezweni ngokwasekusweleni amandla, udla ubomi ngokwasemandleni kaThixo. Kuba nathi siswele amandla kuye, noko siya kudla ubomi naye ngokwasemandleni kaThixo, ngokubhekisele kuni.
  
5. Zilingeni, ukuba niselukholweni olu na; zicikideni ngokwenu. Okanye anizazi na ukuba uYesu Kristu ungaphakathi kwenu? ukuba okunene aningabo abo bangenakucikideka.
  
6. Ndiyathemba ke ukuba niyakwazi, ukuba asingabo abo bangenakucikideka thina.
  
7. Ndithandaza ke kuye uThixo, ukuba ningenzi nanye into embi; kungekuko ukuze sibonakale sicikidekile thina, ikukuze nenze into entle nina, ke thina sibe njengabangenakucikideka.
  
8. Kuba asinakwenza nto ngokuchasa inyaniso; sinokwenzela inyaniso.
  
9. Kuba siyavuya, xa sukuba singenamandla thina, nibe nina ninamandla; sithandazela nokuthandazela oku ke, ukuba nigqibelele ukulunga.
  
10. Ngenxa yoko ndibhala ezi zinto ndingekho, ukuze ndingathi, ndakuba ndikho, ndenze kabukhali ngokwegunya, endalinikwa yiNkosi ukuba libe lelokwakha, lingabi lelokuchitha.
  
11. Elokugqiba, bazalwana, ndithi, Vuyani, zilungiseni nigqibelele, thuthuzelekani, cingani nto-nye, zolani; wothi ke uThixo wothando noxolo abe nani.
  
12. Bulisanani ngolwango olungcwele.
  
13. Bayanibulisa bonke abangcwele aba.
  
14. Ubabalo lweNkosi uYesu Kristu, nothando lukaThixo, nodlelano loMoya oyiNgcwele, malube nani nonke. Amen.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES