Bible Study: FrontPage




 

2 Corinthians, Chapter 3

Bible Study - 2 Corinthians 3 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Xa sitshoyo, singaba siyawaqala siziyaleze na? Okanye sifuna, njengabathile, kusini na, iincwadi zokuyalezwa kuni, nokuba zezokuyalezwa nini?
  
2. Incwadi yethu thina, ebhalwe ezintliziyweni zethu, nini; iyaziwa, ileswa ngabantu bonke;
  
3. nibonakalalisiwe nje ukuba niyincwadi kaKristu, eyalungiselelwa sithi, engabhalwanga ngainki, ebhalwe ngoMoya kaThixo ophilileyo; kungekhona emacwecweni amatye, kusemacwecweni angawenyama entliziyo.
  
4. Sinenkoloseko enjalo ke kuThixo ngaye uKristu.
  
5. Ukutsho andithi, sikulingene ngokwethu ukucamanga nto engathi iphuma kuthi ngokwethu; ukukulingana kwethu oko kuphuma kuThixo,
  
6. osenze nokusenza sakulingana ukuba ngabalungiseleli bomnqophiso omtsha; singabi ngabobhalo nje kodwa, sibe singabomoya; kuba ubhalo luyabulala, umoya ke udlisa ubomi.
  
7. Ke kaloku, ukuba ulungiselelo olo lubulalayo, lukroliweyo ematyeni ngobhalo, lweza lunobuqaqawuli, ngokude oonyana bakaSirayeli bangabi nakuqwalasela ebusweni bukaMoses, ngenxa yobuqaqawuli bobuso bakhe, ubuqaqawuli ke obebuza kubhanga:
  
8. lungathini na ulungiselelo lwakhe uMoya, ukungabi nobuqaqawuli ngokugqithiseleyo?
  
9. Kuba, ukuba ulungiselelo olugwebayo lunobuqaqawuli, kokukhona luya kugqithisela ngobuqaqawuli ulungiselelo lobulungisa.
  
10. Kuba kwanoko kwenziwe kwaba nobuqaqawuli, akwenziwanga kwaba nobuqaqawuli ngale ndawo, ngenxa ke yobuqaqawuli obu bona bubalaselayo.
  
11. Kuba xa oko bekuza kubhanga kunobuqaqawuli, kokukhona oku kuhleliyo kunobuqaqawuli.
  
12. Sinethemba elinjalo nje ke ngoko, kokukhona singafihlisiyo ukuthetha;
  
13. singaxelisi uMoses, yena wabeka isigqubuthelo ebusweni bakhe, ukuze oonyana bakaSirayeli bangaqwalaseli esiphelweni soko bekuza kubhanga.
  
14. Zesuka noko zaqaqadekiswa iingqiqo zabo; kuba nanamhla sisahleli kwaeso sigqubuthelo ekulesweni kwawo umnqophiso omdala, singabhenqwanga, nto leyo ke ibhangayo kuKristu.
  
15. Kusuke kwada kwaba namhlanje, kusithi, xenikweni kuleswa uMoses, kusuke kubekho isigqubuthelo entliziyweni yabo.
  
16. Ke xenikweni ithe ke yona yabuyela eNkosini sosuswa kuphele isigqubuthelo eso.
  
17. INkosi ke inguye uMoya; apho ke akhoyo uMoya weNkosi, kubakho inkululeko.
  
18. Thina ke sonke, sinobuso nje obubhenqwe isigqubuthelo, sibukhangela njengokwasesipilini ubuqaqawuli beNkosi, senziwa similise okwaloo mfanekiselo, sivela ebuqaqawulini sisinge ebuqaqawulini, kwanjengokuvela eNkosini enguMoya.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES