Bible Study: FrontPage




 

2 Corinthians, Chapter 8

Bible Study - 2 Corinthians 8 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ke kaloku, bazalwana, siyanazisa ubabalo lukaThixo oluhlakaziweyo phakathi kwamabandla akwelaseMakedoni;
  
2. okokuba ekucikidweni kwawo okukhulu yimbandezelo, kuthe ukuphuphuma kovuyo lwawo, nobuhlwempu bawo obendeleyo, kwaphuphumela ekutyebiseni ukunyanisa kwawo.
  
3. Ngokuba ndiyangqina ukuba bathe, ngokwamandla abo, ewe nangaphezu kwamandla, banikela ngokuqhutywa yintliziyo,
  
4. besikhunga, besibongoza kakhulu, ukuba silwamkele ubabalo olo, ubudlelane ke obo bokulungiselela abangcwele.
  
5. Abanelanga kwenza njengoko sathemba ngako; bathi kuqala bazinikela eNkosini, baza kamva bazinikela nakuthi ngokuthanda kukaThixo;
  
6. ngokokude simyale uTito, ukuze athi, njengokuba ebeqalile, alufezele kuni ngokunjalo nolo lubabalo.
  
7. Ke, kwanjengokuba niphuphuma iinto zonke, ukholo, nokuthetha, nokwazi, nokunyameka konke, nokusithanda kwenu, maniphuphume nakulo olu lubabalo.
  
8. Anditsho ngakwammiselo; ukutsho, ndenziwa kukunyameka kwabanye, ndicikida nenyaniso yolwenu uthando;
  
9. kuba niyalwazi ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu, okokuba yathi, ibisisityebi nje, yaba lihlwempu ngenxa yenu, ukuze nina nibe zizityebi ngobuhlwempu bayo obo.
  
10. Ngale ndawo ke ndinipha okwam ukubona; kuba oko kunilungele nina aba nayiqalayo kwanyakenye le nto; ananela kuyenza, nayithanda nokuyithanda.
  
11. Ngoku ke yenzeni niyifeze loo nto, ukuze, kwanjengokuba bekukho intumekelelo yokuthanda, kwangokunjalo kubekho nokuyifeza ngeninako.
  
12. Kuba intumekelelo, ukuba selikho, yamkeleka kakuhle ngokoko asukuba enako umntu, kungabi ngokoko angenako.
  
13. Kuba andithi mabaphumle abanye, nibandezeleke nina;
  
14. ndithi, ukuze kubekho ukulingana ngexesha lakalokunje, ukuphuphuma kwenu makufikelele ekusileleni kwabo; ukuze nokuphuphuma kwabo kufikelele ekusileleni kwenu, ukuze ke kubekho ukulingana;
  
15. njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Owabutha kakhulu akabanga nakusalelayo; nowabutha kancinane akabanga nakusilela.
  
16. Makubulelwe ke kuThixo, ongenise kwaoko kuninyamekela entliziyweni kaTito.
  
17. Ngokuba wasamkela okunene isiyalo; ke uthe, enyameke okunye, waphuma ngokuqhutywa yintliziyo, waya kuni.
  
18. Sathuma ke kunye naye umzalwana odume phakathi kwawo onke amabandla, ngokuvakalisa iindaba ezilungileyo.
  
19. Asikuphela ke oko; wanyulwa nokunyulwa ngawo amabandla, ukuba abe ngohamba nathi, nalo olu lubabalo lulungiselelwayo sithi, ukuze izukiswe iNkosi, nibe nokuthumekelela nina:
  
20. silumkele oku, ukuba kungabikho mntu usibeka bala kule nyambalala yeminikelo ilungiselelwayo sithi;
  
21. sikhathalele izinto ezintle, kungekhona emehlweni eNkosi yodwa, kukwanasemehlweni abantu.
  
22. Sithume ke kunye nabo umzalwana wethu, esimcikide futhi ngeendawo ezininzi, samfumana ekhuthele; kokukhona akhuthele kakhulu, ekholose kakhulu ngani.
  
23. Nokuba kuthethwa ntoni ngoTito, yazini ukuba ulidlelane nam, nomsebenzisi wam kuni; nokuba kuthethwa ngabazalwana bethu, yazini ukuba bangabathunywa bamabandla kaThixo, baluzuko lukaKristu.
  
24. Lo mbonakalaliso ngoko wothando lwenu, nowokuzingca kwethu ngani, wubonakalaliseni kubo, naphambi kwamabandla.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES