Bible Study: FrontPage




 

2 Kings, Chapter 3

Bible Study - 2 Kings 3 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ke kaloku uYehoram, unyana ka-Ahabhi, waba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari, ngomnyaka weshumi elinesibhozo kaYehoshafati ukumkani wakwaYuda; waba neminyaka elishumi elinamibini engukumkani.
  
2. Wenza okubi emehlweni kaYehova; kodwa akaba njengoyise nanjengonina; kuba wasisusa isimiso selitye sikaBhahali, awasenzayo uyise.
  
3. Kodwa ke wanamathela ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli; akatyeka kuzo.
  
4. Ke kaloku uMesha, ukumkani wamaMowabhi, ubengumfuyi weegusha; emana embuyisela ukumkani wakwaSirayeli ngoboya bekhulu lamawaka eemvana, nekhulu lamawaka eenkunzi zeegusha.
  
5. Kwathi ke akufa uAhabhi, wakreqa ukumkani wamaMowabhi kukumkani wamaSirayeli.
  
6. Waphuma ke ukumkani uYehoram ngayo loo mini kwaSamari, wawabala onke amaSirayeli.
  
7. Waya wathumela kuYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, esithi, Ukreqile kum ukumkani wakwaMowabhi; wohamba na nam siye kulwa namaMowabhi? Wathi, Ndonyuka ndiye; ndinjengoko unjalo; abantu bam banjengoko banjalo abantu bakho; amahashe am anjengoko anjalo amahashe akho.
  
8. Wathi, Sonyuka ngayiphi na indlela? Wathi, Ngendlela ephuma entlango yakwaEdom.
  
9. Wahamba ke ukumkani wakwaSirayeli, nokumkani wakwaYuda, nokumkani wakwaEdom. Bahamba ngendlela ezungulezayo iintsuku ezisixhenxe; awaba namanzi umkhosi kwaneenkomo ebezibalandela.
  
10. Wathi ukumkani wamaSirayeli, Yeha, uYehova ubabizele aba kumkani bathathu, ukuba abanikele esandleni sikaMowabhi.
  
11. Wathi uYehoshafati, Akukho mprofeti kaYehova na apha, sibuzise kuYehova ngaye? Waphendula omnye wabakhonzi bokumkani wakwaSirayeli, wathi, Ukho apha uElisha, unyana kaShafati, obegalela amanzi ezandleni zikaEliya.
  
12. Wathi uYehoshafati, Ilizwi likaYehova linaye. Behla ke baya kuye, ukumkani wakwaSirayeli, noYehoshafati, nokumkani wakwaEdom.
  
13. Wathi ke uElisha kukumkani wamaSirayeli, Yintoni na enam nawe? Hamba uye kubaprofeti bakayihlo, nakubaprofeti bakanyoko. Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuye, Hayi; ngokuba uYehova ubabizele aba kumkani bathathu, ukuba abanikele esandleni sikaMowabhi.
  
14. Wathi uElisha, Ehleli nje uYehova wemikhosi, endimi phambi kwakhe, ndinge ndingakubheki, ndikubone, koko bendihlonele uYehoshafati, ukumkani wakwaYuda.
  
15. Ndiziseleni ke ngoku umbethi-luhadi. Kwathi, xa umbethi-luhadi lo alubethayo, samfikela isandla sikaYehova.
  
16. Wathi, Utsho uYehova ukuthi, Senzeni esi sihlambo sizale yimisele.
  
17. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Aniyi kubona moya, aniyi kubona mvula; esi sihlambo ke siya kuzala amanzi, nisele nina, nemihlambi yenu, namaqegu enu.
  
18. Loo nto ilula emehlweni kaYehova; uya kuwanikela namaMowabhi esandleni senu.
  
19. Noyixabela yonke imizi enqatyisiweyo, nemizi yonke enyuliweyo, niyiwise yonke imithi emihle, niyidibelele yonke imithombo yamanzi, niwonakalise onke amasimi amahle ngamatye.
  
20. Kwathi kusasa, xa kunyuswa umnikelo wokudla, nanko kusiza amanzi, evela ngendlela yakwaEdom, ilizwe lazala amanzi.
  
21. Eva ke onke amaMowabhi ukuba benyukile ookumkani, besiza kulwa nawo, ahlaba umkhosi kwintanga yonke exhobayo nengaphezulu, ema emdeni.
  
22. Avuka kusasa, ilanga lithe chapha emanzini; amaMowabhi awabona amanzi phambi kwawo, ebomvu njengegazi;
  
23. athi, Ligazi le nto; ookumkani bachithene bodwa, babulalana. Nalo ke ixhoba, Mowabhi.
  
24. Afika ke emkhosini wakwaSirayeli; asuka amaSirayeli, awaxabela amaMowabhi, asaba wona ebusweni bawo, alingenela ilizwe, ehamba ewaxabela amaMowabhi.
  
25. Bayigungxula nemizi; emasimini onke amahle, elowo waphosa ilitye lakhe, bawazalisa, bayidibelela yonke imithombo yamanzi, bayiwisa yonke imithi emihle, kwada eKir-hareshete kwasala amatye ayo odwa; bayirhawula abasawuli, batsho kuyo.
  
26. Wabona ukumkani wamaMowabhi, ukuba impi imkhulele, wathabathela kuye amadoda angamakhulu asixhenxe arhola ikrele, ukuba atyhudise, abheke kukumkani wakwaEdom; akaba nako.
  
27. Wathabatha unyana wakhe wamazibulo, obeya kuba ngukumkani esikhundleni sakhe, wamnyusa waba lidini elinyukayo phezu kodonga. Afikelwa buburhalarhume obukhulu amaSirayeli. Ancothuka kuye, abuyela ezweni lawo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES