Bible Study: FrontPage




 

2 Peter, Chapter 3

Bible Study - 2 Peter 3 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ngoku ndinibhalela, zintanda, le ncwadi iyeyesibini, endithi kuzo zombini ndiyivuselele ingqondo yenu engcwengekileyo ngokunikhumbuza;
  
2. ukuba niwakhumbule amazwi abethethiwe ngenxa engaphambili ngabaprofeti abangcwele, nawo umthetho wabapostile bethu beNkosi uMsindisi;
  
3. nikwazi nje oku kuqala, ukuba kuya kuza ngemihla yokugqibela abagxeki, behamba ngokwezabo iinkanuko,
  
4. besithi, Liphi na kaloku idinga lokufika kwakhe? Kuba kuseloko oobawo balalayo ukufa, izinto zonke zahlala zihleli zinjengokwasekuqalekeni kwendalo.
  
5. Kuba oku kufihlakele kubo ngokuthanda kwabo, ukuba izulu laye likho kwakudala, nomhlaba uvele emanzini, umi ngamanzi, ngalo ilizwi likaThixo;
  
6. elathi ngezo zinto ihlabathi langoko lantywiliselwa ngamanzi, latshabalala.
  
7. Ke lona izulu langoku, nawo umhlaba lo, kwangelo lizwi ezo zinto ziqwetyelwe, zigcinelwe, umlilo, kuse kwimini yomgwebo nentshabalalo yabantu abangahloneli Thixo.
  
8. Le nto ke inye mayingafihlakali kuni, zintanda, ukuba phambi kweNkosi imini enye injengeminyaka eliwaka, neminyaka eliwaka injengemini enye.
  
9. INkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani; inga bonke bangasinga enguqukweni.
  
10. Iya kufika ke imini yeNkosi njengesela ebusuku, eliya kuthi ngayo izulu lidlule liqhuqhumba, zithi ke iziqalelo zitshe, zichithakale, nomhlaba nayo imisebenzi ekuwo itshiswe kuthi tu.
  
11. Ezo zinto zonke ngoku zichithakala nje, nimele ukuba ngabanjani na ngeehambo ezingcwele nokuhlonela uThixo;
  
12. nikulindela, nikukhawulezela, ukufika kwayo imini kaThixo, eliya kuthi ngenxa yayo izulu lifakwe isikhuni, lichithakale, zithi neziqalelo zitshe zinyibilike?
  
13. Thina ke ngokwedinga lakhe silinde elitsha izulu, nomtsha umhlaba, apho kumi ubulungisa.
  
14. Kungoko, zintanda, nilindele ezo zinto nje, khuthalelani ukuba nifunyanwe kuye niseluxolweni, ningenabala, ningenasiphako.
  
15. Ukuzeka kade umsindo kweNkosi yethu kubaleleni ekuthini lusindiso, njengoko wanibhalelayo nomzalwana wethu oyintanda, uPawulos, ngokobulumko awabunikwayo;
  
16. njengokuba, nasezincwadini zakhe zonke, ethetha kuzo ngezo ndawo; ekukhoyo kuzo zithile ziqiqeka nzima, abathi abangafundileyo, nabangazimasekileyo, bazigqwethele kokwabo ukutshabalala, njengokuba bezenjenjalo nezinye izibhalo.
  
17. Nina ngoko, zintanda, nizazi nje ngenxa engaphambili ezo zinto, zigcineni okwenu, ukuze ningathi, nikhukuliswe lulahlekiso lwabangenammiselo, niphalale kokukokwenu ukuqina.
  
18. Khulani ke elubabalweni na sekuyazini iNkosi yethu, uMsindisi uYesu Kristu. Kuye malubekho uzuko nangoku, kuse nakwimini engunaphakade. Amen.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES