Bible Study: FrontPage




 

2 Samuel, Chapter 23

Bible Study - 2 Samuel 23 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ngawo la ke amazwi okugqibela kaDavide: Utsho uDavide unyana kaYese, Itsho indoda eyaphakanyiselwa phezulu, Umthanjiswa woThixo kaYakobi, Omihobe imnandi kwaSirayeli,
  
2. Ukuthi, UMoya kaYehova uthetha ngam, Ukukhuluma kwakhe kuselulwimini lwam.
  
3. Uthi uThixo kaSirayeli, ULiwa lakwaSirayeli uthetha kum, uthi, Kuya kuvela umlawuli woluntu olilungisa, Elawula ngokoyika uThixo.
  
4. Unjengokukhanya kwentsasa, lakuphuma ilanga, Njengentsasa engenamafu, Lakusa ibisina, Lwakuphuma uhlaza endle.
  
5. Kuba ayinjalo yini na indlu yam kuThixo? Kuba undenzele umnqophiso ongunaphakade, Walungiswa ngeento zonke, wagcinwa; Kuba ukusindiswa kwam konke, nokunqwena kwam konke, Akayi kukuhlumisa yini na?
  
6. Ke amatshijolo onke ephela anjengemithana enameva ecukulwayo, Kuba ingenakuthatyathwa ngesandla.
  
7. Umntu ukuyiphatha Uzalisa isandla ngentsimbi noluthi lwentshuntshe, Itshiswe itshe ngumlilo kwalapho ikhona.
  
8. Ngawo la amagama amagorha kaDavide: nguYoshebhe-bhashebhete waseTakemon, obeyintloko yabaphathi-mikhosi; yena watyityimbisa intshuntshe yakhe phezu kwamakhulu asibhozo awahlatywa ngesihlandlo esinye.
  
9. Nganeno kwakhe nguElazare, unyana kaDodayi, unyana womAhowa, obelelinye kumagorha lawo mathathu abenoDavide ekuwangcikiveni kwawo amaFilisti, abebuthelene khona emfazweni, akubonÂ’ ukuba anyukile amadoda akwaSirayeli:
  
10. yena wesuka wawabulala amaFilisti, sada sadinwa isandla sakhe, somela ekreleni isandla sakhe; wenza ke uYehova usindiso olukhulu ngaloo mini; babuya abantu bamlandela, banela ukuthimba kuphela.
  
11. Nganeno kwakhe nguShama, unyana ka-Age umHarari. AmaFilisti ayehlanganisene asisiqhu. Kwaye kukho apho isiqwenga somhlaba sizele ziintlumaya; basaba abantu ebusweni bamaFilisti;
  
12. wesuka yena wema esazulwini sesiqwenga eso, wasihlutha, wawabulala amaFilisti. UYehova wenza ke usindiso olukhulu.
  
13. Kwehla isithathu sabaziintloko emashumini amathathu abaphathi-mikhosi, beza kuDavide, xa kuvunwayo, emqolombeni waseAdulam; saye isiqhu samaFilisti simise iintente entilini yamaRafa.
  
14. UDavide oko ubesemboniselweni; ikampu yamaFilisti oko ibiseBhetelehem.
  
15. Wanqwena uDavide, wathi, Akwaba, bethu, bendingasezwa amanzi equla laseBhetelehem, elisesangweni!
  
16. Atyhudisa loo magorha mathathu empini yamaFilisti, akha amanzi equleni laseBhetelehem elisesangweni, awathwala awazisa kuDavide. Akavuma ukuwasela, wawathululela phantsi phambi koYehova.
  
17. Wathi, Makube lee kum, Yehova, ukwenza oko. Asiligazi na eli lamadoda ahambe encame imiphefumlo yawo? Akavuma ke ukuwasela. Enza ezo zinto amagorha lawo mathathu.
  
18. Ke uAbhishayi, umninawa kaYowabhi, unyana kaTseruya, yena ube eyintloko yabaphathi-mikhosi; wathi rhuthu intshuntshe yakhe phezu kwamakhulu amathathu abahlatywayo. Wayenegama ke kwabo bathathu.
  
19. Wayezukile okunene ngaphezu kwamashumi amathathu lawo, waba ngumthetheli wawo; kodwa akafikanga kwabaya bathathu.
  
20. Ke uBhenaya unyana kaYehoyada, unyana wendoda enobukroti, ozenzo zininzi, waseKabhetseli, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama equleni phakathi, mini ngekhephu.
  
21. Yena wabulala indoda engumYiputa, indoda enewonga; umYiputa lowo wayephethe intshuntshe. Wehla, waya kuye enentonga, wayihlutha intshuntshe esandleni somYiputa lowo, wambulala ngentshuntshe yakhe.
  
22. Wenza ezo zinto uBhenaya unyana kaYehoyada; waba negama ke kumagorha lawo mathathu.
  
23. Ubezukile kunamashumi amathathu lawo; kodwa akafikanga kwabaya bathathu. UDavide wammisa ephakathini lakhe.
  
24. UAsaheli, umninawa kaYowabhi, ebengomnye kumashumi amathathu lawo; nguElihanan unyana kaDodayi waseBhetelehem;
  
25. nguShama waseHarodi; nguElika waseHarodi;
  
26. nguHeletse wasePeleti; nguIra unyana kaIkeshe waseTekowa:
  
27. nguAbhiyezere waseAnatoti; nguMebhunayi umHusha;
  
28. nguTsalimon umAhowa; nguMaharayi waseNetofa;
  
29. nguHelebhe, unyana kaBhahana waseNetofa; nguItayi, unyana kaRibhayi, waseGibheha yoonyana bakaBhenjamin;
  
30. nguBhenaya wasePiraton; nguHidayi wasezihlanjeni zaseGahashe;
  
31. nguAbhihalebhon waseArabha; nguAzemavete waseBhahurim;
  
32. nguEliyabha waseShahalebhon; nguBhene-yashen; nguYonatan;
  
33. nguShama umHarari; nguAhiyam, unyana kaSharare umArari;
  
34. nguElifelete unyana ka-Ahasebhayi, unyana wowaseMahaka; nguEliyam unyana ka-Ahitofele, waseGilo;
  
35. nguHetsero waseKarmele; nguPaharayi waseArbhi;
  
36. nguIgali unyana kaNatan waseTsobha; nguBhani wakwaGadi;
  
37. nguTseleke umAmon; nguNaharayi waseBheroti, umphathi weentonga zikaYowabhi unyana kaTseruya;
  
38. nguIra umItri: nguGarebhe umItri;
  
39. ngu-Uriya umHeti; bebonke bangamashumi omathathu anesixhenxe.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES