|
|
2 Samuel, Chapter 4
1. Weva unyana kaSawule ukuba ufile uAbhinere eHebron, zawa izandla zakhe. Onke amaSirayeli akhwankqiswa yiloo nto.
2. Unyana kaSawule ubenamadoda amabini angabathetheli bemikhosi. Igama lenye lalinguBhahana, igama leyesibini lalinguRekabhi; bengoonyana bakaRimon waseBheroti, kubo oonyana bakaBhenjamin. Ngokuba neBheroti ibibalelwa kwaBhenjamin:
3. abaseBheroti babebalekele eGitayim, baba ngabaphambukeli khona unanamhla.
4. Ke kaloku uYonatan unyana kaSawule ubenonyana ofe iinyawo; ebeminyaka mihlanu ezelwe, ukufika kodaba lukaSawule noYonatan eYizereli. Umondlikazi wakhe wesuka wamthabatha, wabaleka; kwathi, ekubalekeni kwakhe buphuthuphuthu, wawa, waba sisiqhwala. Igama lakhe belinguMefibhoshete.
5. Bahamba oonyana bakaRimon waseBheroti, ooRekabhi noBhahana, ekufudumaleni kwemini, bafika endlwini kaIshbhoshete, elele emini enkulu.
6. Bona bangena endlwini phakathi, ngokungathi baza kuthabatha ingqolowa, basuka bamtsho esiswini; basaba uRekabhi noBhahana umzalwana wakhe.
7. Bangena ke endlwini, elele esingqengqelweni sakhe egumbini lakhe lokulala; bamhlaba, bambulala, bamnqumla intloko, bayithabatha intloko yakhe, bahamba ngendlela yeArabha bonke ubusuku.
8. Bayisa intloko kaIshbhoshete kuDavide eHebron, bathi kukumkani, Nantsi intloko kaIshbhoshete unyana kaSawule, utshaba lwakho, elube lufuna umphefumlo wakho; uYehova uyiphindezelele inkosi yam namhla kuSawule, nakwimbewu yakhe.
9. UDavide wabaphendula ooRekabhi noBhahana umzalwana wakhe, oonyana bakaRimon waseBheroti, wathi kubo, Ehleli nje uYehova, owukhululeyo umphefumlo wam ekubandezelekeni konke,
10. ndathi, owandixelelayo ukuthi, Nanku uSawule efile, eba uzisa iindaba ezilungileyo, ndambamba, ndambulala eTsikelage, ukumnika umvuzo weendaba zakhe.
11. Asikokukhona na ndiya kulibiza igazi layo esandleni senu, ndinitshayele elizweni, xa amadoda angendawo abulele indoda elilungisa endlwini yayo, esililini sayo?
12. UDavide wawawisela amadodana akwakhe umthetho. Ababulala, abanqumla izandla neenyawo, azixhoma echibini eHebron; ke intloko kaIshbhoshete ayithabatha, ayingcwaba engcwabeni lika-Abhinere eHebron.
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|