Bible Study: FrontPage




 

2 Samuel, Chapter 9

Bible Study - 2 Samuel 9 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Wathi uDavide, Kusekho mpunde na kwindlu kaSawule, ukuze ndiyenzele inceba ngenxa kaYonatan?
  
2. Ke indlu kaSawule ibinomkhonzi ogama linguTsibha; bambizela kuDavide. Wathi ukumkani kuye, UnguTsibha na? Wathi yena, Ndingumkhonzi wakho.
  
3. Wathi ukumkani, Akusekho namnye na umntu wendlu kaSawule, ndimenzele inceba kaThixo? Wathi ke uTsibha kukumkani, Kusekho unyana kaYonatan, ofe iinyawo.
  
4. Wathi ukumkani kuye, Uphi na? Wathi uTsibha kukumkani, Nankuya endlwini kaMakire unyana ka-Amiyeli, eLodebhare.
  
5. Wathumela ke ukumkani uDavide, wamthabatha endlwini kaMakire unyana ka-Amiyeli, eLodebhare.
  
6. Weza uMefibhoshete, unyana kaYonatan, unyana kaSawule, kuDavide, wawa ngobuso, waqubuda. Wathi uDavide, Mefibhoshete. Wathi ke yena, Nanku lo mkhonzi wakho.
  
7. Wathi uDavide kuye, Musa ukoyika; ngokuba ndiya kukwenzela inceba ngenene, ngenxa kaYonatan uyihlo, ndikubuyisele onke amasimi kaSawule uyihlo; wena udle isonka etafileni yam ngamaxesha onke.
  
8. Waqubuda, wathi, Umkhonzi wakho uyintoni na, ukuba uyibheke inja efileyo, enjengam nje?
  
9. Ukumkani wabiza uTsibha, umfana wakwaSawule, wathi kuye, Yonke into ebiyekaSawule, neyendlu yakhe yonke, ndiyinike unyana wenkosi yakho.
  
10. Uze umlimele umhlaba, wena noonyana bakho, nabakhonzi bakho, umzisele abe nokudla unyana wenkosi yakho, adle; ke uMefibhoshete, unyana wenkosi yakho, uya kudla ngamaxesha onke etafileni yam. Ke kaloku uTsibha wayenoonyana abalishumi elinantlanu, nabakhonzi abamashumi mabini.
  
11. Wathi uTsibha kukumkani, Ngokwento yonke emwisele umthetho ngayo umkhonzi wayo inkosi yam ukumkani, uyakwenjenjalo umkhonzi wakho. UMefibhoshete wadla etafileni yakhe, njengabanye oonyana bokumkani.
  
12. UMefibhoshete ebenonyana omncinane, ogama belinguMika. Bonke ababehleli endlwini kaTsibha babengabakhonzi bakaMefibhoshete.
  
13. UMefibhoshete ubehlala eYerusalem; ngokuba ubesidla etafileni yokumkani ngamaxesha onke. Ubefe iinyawo zakhe zombini.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES