Bible Study: FrontPage




 

2 Thessalonians, Chapter 2

Bible Study - 2 Thessalonians 2 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ngenxa yokufika kweNkosi yethu uYesu Kristu, nokuhlanganiselwa kwethu kuyo,
  
2. ukuba ningazanyazanyiswa kwakamsinya, nahlukane nengqiqo; ukuba ningabi navuso ngamoya, ngalizwi, ngancwadi ingathi, ivela kuthi, ngokungathi iselingene imini leyo kaKristu.
  
3. Makungabikho bani unilukuhlayo nangalunye uhlobo; ngokuba ayinakufika yona, lungakhanga lufike ulahlo kuqala, atyhileke umntu wesono, unyana wotshabalalo;
  
4. lowo uchasayo, uziphakamisayo ngaphezu kwento yonke ekuthiwa nguThixo, nehlonelwayo, ngokokude azihlalise etempileni kaThixo, ezenza uThixo, ezibonisa ukuba unguThixo.
  
5. Anikhumbuli na, ukuba oko bendisekuni ndanixelela ezi zinto?
  
6. Nangoku niyakwazi okubambezelayo, ukuze atyhileke ngelakhe ixesha.
  
7. Kuba imfihlelo yokuchasana nomthetho iselisebenza; kodwa kulindwe ukuba ade lowo ubambezelayo ngoku asuswe kanye.
  
8. Andule ukutyhileka ongenamthetho; lowo iya kumtshisa iNkosi ngomoya womlomo wayo, imbangise ngokubonakala kokufika kwayo:
  
9. kwalowo, ukufika kungokokusebenza kukaSathana, ngayo imisebenzi yonke yamandla, nemiqondiso, nezimanga zobuxoki,
  
10. nangako ukulukuhla konke kokungalungisi kwabo batshabalalayo; ngenxa enokuba bengakwamkelanga ukuyithanda inyaniso, ukuze basindiswe.
  
11. Nangenxa yoko, uThixo uya kubathumela ulahlekiso olusebenza ngamandla, ukuze bakholwe bubuxoki;
  
12. ukuze bagwetywe bonke abangakholwanga yiyo inyaniso, basuka bakholiswa kuko ukungalungisi.
  
13. Ke thina simelwe kukuhlala sibulela kuye uThixo ngenxa yenu, bazalwana bathandiweyo yiNkosi, ukuba uThixo kwasekuqalekeni waninyulela ukusindiswa, ngokungcwalisa koMoya nokukholwa yinyaniso;
  
14. awanibizela kuko oko ngazo iindaba ezilungileyo zethu, ukuba nizuze uzuko lweNkosi yethu uYesu Kristu.
  
15. Ngoko ke, bazalwana, yimani, nizibambe izithethe enazifundiswayo, nokuba kungelizwi, nokuba kungencwadi yethu.
  
16. Ke kaloku, iNkosi yethu uYesu Kristu ngokwayo, noThixo uBawo wethu owasithandayo, wasinika intuthuzelo engunaphakade, nethemba elilungileyo ngobabalo,
  
17. wanga angazithuthuzela iintliziyo zenu, anizimase kuwo onke amazwi nemisebenzi elungileyo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES