Bible Study: FrontPage




 

Colossians, Chapter 4

Bible Study - Colossians 4 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Nina baziinkosi, baphatheni ngokufanelekileyo nangokulungeleleneyo abanikhonzayo; nisazi nje ukuba nani ngokwenu nineNkosi emazulwini.
  
2. Zingisani ukuthandaza, niphaphamile kuko, ninombulelo;
  
3. kunye noko nisithandazela, ukuze uThixo asivulele umnyango welizwi, ukuba siyithethe imfihlelo kaKristu, endikhonkxwe ngenxa yayo;
  
4. ukuze ndiyibonakalalise, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako.
  
5. Hambani ngobulumko ngakwabo bangaphandle, nilonga ixesha eli.
  
6. Ukuthetha kwenu makuhlale kumnandi, kuvakalisiwe ngetyuwa, ukuze nazi ukuba nimelwe kukuthini na ukuphendula bonke ngabanye.
  
7. Izinto zonke ezilunge nam wonazisa uTikiko, umzalwana oyintanda, umlungiseleli othembekileyo, ongumkhonzi kunye nam eNkosini;
  
8. endimthumele khona oku kuni, ukuze azazi iindawo ezingani, azithuthuzele iintliziyo zenu;
  
9. kunye no-Onesimo, umzalwana othembekileyo, oyintanda, ongomnye wenu. Bonazisa izinto zonke zalapha.
  
10. Uyanibulisa uAristarko, ongumbanjwa ndawonye nam, noMarko umtshana kaBharnabhas, enamkela imithetho ngaye; ukuba uthe weza kuni, mamkeleni;
  
11. noYesu, ekuthiwa nguYusto, kwabolwaluko; ngabo bodwa abasebenzisana nam ngenxa yobukumkani bukaThixo, abathe bona baba sisonwabiso kum.
  
12. Uyanibulisa uEpafra ongomnye wenu, umkhonzi kaKristu, ehlala ezama ngenxa yenu emithandazweni, ukuze nime nigqibelele, nizalisekile kuko konke ukuthanda kukaThixo.
  
13. Kuba ndiyamngqinela ukuba unenzondelelo enkulu ngenxa yenu, nabo baseLawodike, nabo baseHirapoli.
  
14. Uyanibulisa uLuka, igqirha eliyintanda, noDemas.
  
15. Bulisani kubazalwana abaseLawodike, nakuNimfa, nakulo ibandla elisendlwini yakhe.
  
16. Xa ke le ncwadi ithe yaleswa kuni, ize nenze ukuba ileswe nasebandleni eliseLawodike; nani niyilese leyo iphuma eLawodike.
  
17. Yithini kuArkipo, Lukhangele ulungiselelo owalwamkelayo lwaseNkosini, ukuze uluzalise.
  
18. Umbuliso lo ungesam isandla, mna Pawulos. Yikhumbuleni imixokelelwane yam. Ubabalo malube nani. Amen.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES