Bible Study: FrontPage




 

Exodus, Chapter 13

Bible Study - Exodus 13 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. UYehova wathetha kuMoses, wathi,
  
2. Ndingcwalisele onke amazibulo, yonke into evula isizalo phakathi koonyana bakaSirayeli, kumntu nakwinkomo; yeyam.
  
3. Wathi uMoses ebantwini, Yikhumbuleni le mini niphume ngayo eYiputa, endlwini yobukhoboka; kuba uYehova unikhuphe kule ndawo ngesithe nkqi isandla; ize ke kungadliwa nto inegwele.
  
4. Lo ngumhla eniphume ngawo ngenyanga enguAbhibhi.
  
5. Kothi, xa uYehova anifikisileyo ezweni lamaKanan, lamaHiti, lama-Amori, lamaHivi, lamaYebhusi, awalifungela ooyihlo ukubanika, izwe elibaleka amasi nobusi, ukhonze ngale nkonzo kule nyanga:
  
6. nidle izonka ezingenagwele iintsuku ezisixhenxe; ke usuku lwesixhenxe lungumthendeleko kuYehova;
  
7. izonka ezingenagwele zodliwa iintsuku ezisixhenxe; kungabonwa kuwe nto inegwele, kungabonwa gwele kuwe emideni yakho yonke.
  
8. Uze umxelele unyana wakho ngaloo mini, uthi, Ndikwenza oku ngenxa yoko uYehova wakwenzayo kum ekuphumeni kwam eYiputa;
  
9. kuze kube ngumqondiso kuwe osesandleni sakho, ube sisikhumbuzo phakathi kwamehlo akho, ukuze umyalelo kaYehova ube semlonyeni wakho; kuba uYehova ukukhuphe eYiputa ngesithe nkqi isandla.
  
10. Uze uwugcine lo mmiselo ngexesha lawo elimisiweyo imihla kamihla.
  
11. Kothi, xa akufikisileyo uYehova ezweni lamaKanan, njengoko wafungayo kuwe nakooyihlo, wakunika lona,
  
12. uyidlulisele kuYehova yonke into evula isizalo, into yonke elizibulo lenkomo, oya kuba nayo; amaduna oba ngakaYehova.
  
13. Into yonke elizibulo le-esile woyikhulula ngokuyimisela ngexhwane; ke ukuba uthe akwayikhulula ngokuyimisela, woyaphula ilungu lentamo. Yonke into elizibulo lomntu koonyana bakho, nayo woyikhulula ngokuyimisela.
  
14. Kothi, xa unyana wakho akubuzayo ngexesha elizayo, esithi, Yintoni na le nto? uze uthi kuye, UYehova wasikhupha eYiputa, endlwini yobukhoboka, ngesithe nkqi isandla;
  
15. kwathi, xa uFaro wayelukhuni ukusindulula, uYehova wawabulala onke amazibulo ezweni laseYiputa, ethabathela kwizibulo lomntu, wesa kwizibulo lenkomo; kungenxa yoko, le nto ndibingelela kuYehova yonke into evula isizalo eliduna, ndiyikhulule ngokuyimisela yonke into elizibulo koonyana bam;
  
16. ibe ngumqondiso esandleni sakho, ibe sisikhumbuzo phakathi kwamehlo akho, kuba uYehova wasikhupha eYiputa ngesithe nkqi isandla.
  
17. Kwathi, akubandulula uFaro abantu, uThixo akabakhokela ngendlela yelizwe lamaFilisti, nakuba ibimfutshane yona: kuba wathi uThixo, hleze abantu bazohlwaye bakubona imfazwe, babuyele eYiputa.
  
18. UThixo wabazungulezisa abantu ngendlela yentlango yoLwandle oluBomvu. Banyuka bexhobile oonyana bakaSirayeli, bevela ezweni laseYiputa.
  
19. UMoses wawathabatha wahamba nawo amathambo kaYosefu; kuba wayebafungisile nokubafungisa oonyana bakaSirayeli, esithi, UThixo uya kunivelela okunene; nize niwanyuse amathambo am, emke nani kule ndawo.
  
20. Banduluka eSukoti, balalisa e-Etam, enyeleni yentlango.
  
21. UYehova wahamba phambi kwabo ngomqulu welifu emini, ebakhokela ngendlela; ngomqulu womlilo ebusuku, ebakhanyisela, ukuze bahambe imini nobusuku.
  
22. Awusukanga umqulu welifu emini, nomqulu womlilo ebusuku, phambi kwabantu.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES