Bible Study: FrontPage




 

Exodus, Chapter 2

Bible Study - Exodus 2 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Kwaphuma umfo wendlu kaLevi, wazeka intombi yakwaLevi.
  
2. Wamitha umfazi lowo, wazala unyana; wambona ukuba mhle, wamfihla iinyanga ezintathu.
  
3. Wathi, akuba engasenako ukumfihla, wamthabathela umkhombe wemikhanzi, wawutyabeka ngebhitumene netywina, wamfaka kuwo umntwana, wawubeka engcotyeni, elunxwemeni lomlambo.
  
4. Udade wabo wema mgama, ukuze ayazi into eya kwenzeka kuye.
  
5. Yehla ke intombi kaFaro, isiya kuqubha emlanjeni; baye abakhonzazana bayo behamba ngasecaleni lomlambo. Yabona umkhombe engcotyeni phakathi, yathuma umkhonzazana wayo, ukuba aye kuwuthabatha.
  
6. Yawunqika, yambona umntwana; nantso inkwenkwana ilila. Yaba nofefe ngayo, yathi, Ngumntwana wamaHebhere lo.
  
7. Wathi udade wabo kwintombi kaFaro, Ndiye kukubizela na umfazi wamaHebhere onokwanyisa, akwanyisele umntwana?
  
8. Yathi intombi kaFaro kuye, Yiya. Yaya ke intombi leyo, yabiza unina womntwana.
  
9. Yathi intombi kaFaro kuye, Thabatha lo mntwana, umanyise; ndokunika umvuzo wakho mna. Umfazi lowo wamthabatha umntwana, wamanyisa.
  
10. Wakhula umntwana, wamsa ke kwintombi kaFaro, waba ngunyana wayo. Yamthiya igama elinguMoses, yathi, Ndamrhola emanzini.
  
11. Kwathi ke ngaloo mihla, akukhula uMoses, waphuma waya kubazalwana bakhe, ekhangela imithwalo yabo. Wabona umYiputa ebetha umHebhere wakubazalwana bakhe.
  
12. Wabhekabheka, wathi akuba engaboni mntu, wamthi qwaka umYiputa, wamselela entlabathini.
  
13. Waphuma ngemini yesibini; wabona amaHebhere emabini entlalana; wathi kowone omnye, Yini na ukuba umbethe ummelwane wakho?
  
14. Wathi yena, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumthetheli nomgwebi phezu kwethu? Uza kundibulala na nam, usitsho nje, njengokuba umbulele umYiputa? Woyika uMoses, wathi, Mayibe le nto iyaziwa.
  
15. UFaro wayiva le nto, wafuna ukumbulala uMoses. Wabaleka uMoses, wemka kwaFaro, waya kuma ezweni lakwaMidiyan, wahlala phantsi ngasequleni.
  
16. Ke kaloku umbingeleli wakwaMidiyan wayeneentombi ezisixhenxe; zeza kukha amanzi, zayizalisa imikhumbi ukuba ziseze impahla emfutshane kayise.
  
17. Bafika abalusi, bazigxotha. Wesuka uMoses wazinceda, wayiseza impahla yazo emfutshane.
  
18. Zakufika kuRehuweli uyise, wathi, Nitheni na namhlanje ukuhle nifike?
  
19. Zathi, Sihlangulwe ngumYiputa esandleni sabalusi; kunjalo wasikhelela amanzi, wayiseza impahla emfutshane.
  
20. Wathi ezintombini zakhe, Uphi na? Nimshiyeleni na umntu lowo? Mbizeni, adle isonka.
  
21. Wakholwa uMoses kukuhlala naloo ndoda. Yamnika uMoses uTsipora, intombi yayo.
  
22. Yazala unyana, wamthiya igama elinguGershom, kuba ubesithi, Ndingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga.
  
23. Kwathi emva kwaloo mihla mininzi wafa ukumkani waseYiputa. Bancwina oonyana bakaSirayeli ngenxa yomsebenzi, bakhala; kwenyuka ukuzibika kwabo, kwaya kuThixo, ngenxa yomsebenzi.
  
24. Wakuva uThixo ukugula kwabo, wawukhumbula uThixo umnqophiso wakhe noAbraham, noIsake, noYakobi.
  
25. UThixo wababona oonyana bakaSirayeli, wabazi uThixo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES