Bible Study: FrontPage




 

Exodus, Chapter 24

Bible Study - Exodus 24 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Wathi ke kuMoses, Nyuka uye kuYehova, wena noAron, uNadabhi, noAbhihu, namashumi asixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, ninqule nikude;
  
2. kusondele uMoses yedwa kuYehova; bangasondeli bona, nabantu bangenyuki naye.
  
3. Waya uMoses, wabaxelela abantu onke amazwi kaYehova, namasiko onke. Baphendula bonke abantu ngazwi-nye, bathi, Onke amazwi awathethileyo uYehova sowenza.
  
4. Wawabhala uMoses onke amazwi kaYehova, wavuka kusasa, wakha isibingelelo emazantsi entaba, nezimiso zamatye zalishumi elinazibini, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.
  
5. Wathuma abafana bakoonyana bakwaSirayeli, banyusa amadini anyukayo, babingelela imibingelelo yoxolo, iinkunzi ezintsha zeenkomo kuYehova.
  
6. UMoses wathabatha isiqingatha segazi, wasigalela ezidendelekweni, esinye isiqingatha segazi wasitshiza esibingelelweni.
  
7. Wathabatha incwadi yomnqophiso, wayilesa ezindlebeni zabantu; bathi bona, Yonke into ayithethileyo uYehova soyenza siyive.
  
8. Walithabatha uMoses igazi, wabatshiza abantu ngalo, wathi, Nalo igazi lomnqophiso awenzayo uYehova nani ngala mazwi onke.
  
9. Wenyuka uMoses noAron, uNadabhi noAbhihu, namashumi osixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli.
  
10. Bambona uThixo wamaSirayeli; phantsi kweenyawo zakhe kwaye kunjengento eyenziwe ngesafire eqaqambileyo, njengenkqu yezulu lisile.
  
11. Amanene oonyana bakaSirayeli akawasanga sandla. Ambona ke uThixo, adla, asela.
  
12. Wathi uYehova kuMoses, Nyuka uze kum entabeni, ube khona, ndikunike amacwecwe amatye enomyalelo nomthetho, endiwubhalele ukuze bayalwe ngawo.
  
13. Wesuka uMoses noYoshuwa, umlungiseleli wakhe, wenyuka ke uMoses waya entabeni kaThixo.
  
14. Wathi kumadoda amakhulu, Hlalani, nisilinde apho, side sibuye, size kuni. Yabonani, uAron noHure banani; onendawo yokumangala makasondele kubo.
  
15. Wenyuka ke uMoses waya entabeni; ilifu layigubungela intaba.
  
16. Ubuqaqawuli bukaYehova bahlala phezu kwentaba yeSinayi; ilifu layigubungela iintsuku ezintandathu; wamemeza kuMoses ngosuku lwesixhenxe phakathi efini.
  
17. Ke ukubonakala kobuqaqawuli bukaYehova, emehlweni oonyana bakaSirayeli, kwaye kunjengomlilo otshayo encotsheni yentaba.
  
18. Wangena uMoses phakathi efini, wenyuka ke intaba uMoses; waba sentabeni apho iimini ezimashumi mane, nobusuku obumashumi mane.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES