|
|
Exodus, Chapter 31
1. Wathetha uYehova kuMoses esithi,
2. Khangela, ndibize ngegama uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda;
3. ndamzalisa ngomoya kaThixo, ngobulumko, nangokuqonda, nangokwazi, nangobungcibi bamashishini onke;
4. ukuba athelekelele, ayile, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu,
5. nangokukrola amatye, awafake, nangokukrola imithi, asebenze amashishini onke.
6. Yabona, mna ndimkhuphe kunye noAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan; nasezintliziyweni zabo bonke abalumkileyo entliziyweni ndibeke ubulumko, ukuza bazenze zonke izinto endikuwisele umthetho ngazo:
7. intente yokuhlangana, netyeya yesingqino, nesihlalo sokucamagusha esiphezu kwayo, nempahla yonke yentente,
8. netafile nempahla yayo, nesiphatho sezibane esicocekileyo, nempahla yaso yonke, nesibingelelo sokuqhumisela,
9. nesibingelelo sedini elinyukayo nempahla yaso yonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo;
10. nezambatho zokubusa, nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela;
11. neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi sengcwele; benze njengako konke endikuwisele umthetho ngako.
12. Wathetha uYehova kuMoses esithi,
13. Wena, thetha koonyana bakaSirayeli uthi, Inene, iisabatha zam zigcineni; kuba zingumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana zenu, ukuze nazi ukuba ndinguYehova oningcwalisayo;
14. niyigcine isabatha, kuba ingcwele kuni. Lowo uyihlambelayo wobulawa afe; kuba bonke abo basebenza umsebenzi ngayo, loo miphefumlo yonqanyulwa, ingabikho ebantwini bakowayo.
15. Imihla emithandathu wosebenza umsebenzi ngayo, ke umhla wesixhenxe yisabatha kasabatha, ingcwele kuYehova; bonke abo basebenza umsebenzi ngomhla wesabatha, bobulawa bafe.
16. Oonyana bakaSirayeli mabayigcine ke isabatha, bayenze isabatha kwizizukulwana zabo: ingumnqophiso ongunaphakade.
17. Phakathi kwam noonyana bakaSirayeli, ngumqondiso ongunaphakade; kuba imihla emithandathu uYehova wenza izulu nomhlaba, waphumla ngomhla wesixhenxe, waphefumla.
18. Akukhova ukuthetha naye entabeni yaseSinayi, wamnika uMoses amacwecwe amabini esingqino, amacwecwe amatye, ebhalwe ngomnwe kaThixo.
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|