Bible Study: FrontPage




 

Exodus, Chapter 33

Bible Study - Exodus 33 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Wathi uYehova kuMoses, Hamba unyuke, umke apha, wena nabantu obanyusileyo ezweni laseYiputa, uye kulo ilizwe endalifungela uAbraham noIsake noYakobi, ndisithi, Ndiya kulinika imbewu yakho.
  
2. Ndothuma phambi kwakho isithunywa, ndiwagxothe amaKanan, nama-Amori, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi;
  
3. niye ezweni elibaleka amasi nobusi; ke andisayi kunyuka phakathi kwenu nina; kuba ningabantu abantamo ilukhuni, hleze ndiniphelise endleleni.
  
4. Baliva ke abantu elo lizwi libi, benza isijwili; akwabakho mntu uzinxibayo izivatho zakhe.
  
5. Wathi uYehova kuMoses, Yithi koonyana bakaSirayeli, Ningabantu abantamo ilukhuni; ndingathi, ndinyuke phakathi kwenu, ndiniphelise ngephanyazo. Ke ngoko, zikhululeni izivatho zenu, ndize ndazi endokwenza kuni.
  
6. Bazijaca oonyana bakaSirayeli izivatho zabo, beqalela entabeni yaseHorebhe.
  
7. Wayithabatha uMoses intente, wayitwabululela ngaphandle kweminquba, kude neminquba, wathi yintente yokuhlangana. Kwathi ke, bonke abamfunayo uYehova baphuma, baya ententeni leyo yokuhlangana ingaphandle kweminquba.
  
8. Kwathi, xa uMoses aphumayo esiya ententeni leyo, besuka bema bonke abantu, walowo wema emnyango wentente yakhe, wakhangela kuMoses, wada waya kungena ententeni leyo.
  
9. Kwathi, xa uMoses wangenayo ententeni leyo, wehla umqulu welifu, wema emnyango wentente leyo; wathetha yena noMoses.
  
10. Bawubona abantu bonke umqulu welifu, umi emnyango wentente leyo; besuka bema bonke abantu, baza baqubuda, elowo esemnyango wentente yakhe.
  
11. UYehova wathetha kuMoses, bekhangelene ebusweni, njengomntu ethetha nomhlobo wakhe, wabuyela kwaseminqubeni; ke umlungiseleli wakhe, uYoshuwa unyana kaNun, umfana, akasukanga yena ententeni leyo.
  
12. Wathi uMoses kuYehova, Uyabona, uthi kum, Nyusa aba bantu; ke wena akundazisanga lowo uya kundithuma naye; kanti ke uthe, Ndikwazile ngegama, kananjalo ndikubabale.
  
13. Ngoko ukuba undibabale, khawundazise indlela yakho, ukuze ndikwazi, ukuze undibabale, ukhumbule ukuba olu hlanga lungabantu bakho.
  
14. Wathi, Ubuso bam bohamba nawe, ndikunike ukuphumla.
  
15. Wathi kuye, Ukuba ubuso bakho abuhambi nathi, musa ukusinyusa, simke apha.
  
16. Kuya kwaziwa kwaziwe ngantoni na khona, ukuba undibabale mna nabantu bakho? Akungokuthi na uhambe nathi, sibaluleke thina, mna nabantu bakho, ebantwini bonke abaphezu komhlaba?
  
17. Wathi uYehova kuMoses, Nale nto uyithethileyo ndiya kuyenza; kuba ndikubabale, ndikwazile ngegama.
  
18. Wathi yena, Khawundibonise ubuqaqawuli bakho.
  
19. Wathi, Ndiya kukudlulisa konke ukulunga kwam ebusweni bakho, ndivakalise igama likaYehova phambi kwakho, ndibabale endimbabalayo, ndisikwe yimfesane kondosikwa yimfesane ngaye.
  
20. Wathi, Akunakububona ubuso bam; kuba akukho mntu undibona aphile.
  
21. Wathi uYehova, Nantsi ke indawo ngakum; uze ume phezu kweliwa;
  
22. kuthi, ekudluleni kobuqaqawuli bam, ndikubeke emqhokrweni weliwa, ndikugubungele ngesandla sam, ndide ndidlule;
  
23. ndize ndisuse isandla sam, uwubone umva wam. Ke bona ubuso bam abuyi kubonwa.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES