Bible Study: FrontPage




 

Ezekiel, Chapter 44

Bible Study - Ezekiel 44 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Wandibuyisa ngendlela yesango lengcwele elingaphandle, elibheke empumalanga; laye livaliwe.
  
2. UYehova wathi kum, Eli sango liya kuhlala livaliwe; aliyi kuvulwa, akuyi kungena mntu ngalo; ngokuba uYehova uThixo kaSirayeli ungene ngalo; liya kuhlala livaliwe ke.
  
3. Isikhulu, sisikhulu nje, siya kuhlala kulo, ukuba sidle ukudla phambi koYehova. Songena ngendlela yasevarandeni yesango, siphume kwangendlela yayo.
  
4. Wandisa ngendlela yesango langasentla, ebeyiphambi kwayo indlu; ndakhangela, nabo ubuqaqawuli bukaYehova buyizalisile indlu kaYehova; ndawa ngobuso.
  
5. Wathi kum uYehova, Nyana womntu, gqala ngentliziyo yakho, ubone ngamehlo akho, uve ngeendlebe zakho, konke endisukuba ndikuthetha kuwe, ngokusingisele kwimimiselo yonke yendlu kaYehova, nangokusingisele kwimiyalelo yayo yonke; ukugqale ngentliziyo yakho ukungena endlwini le, ezindaweni zonke zengcwele ekuphunywa ngazo.
  
6. Uze uthi kwabaneenkani, kwabendlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yanelani, ndlu kaSirayeli, ngamasikizi enu onke,
  
7. okubangenisa kwenu oonyana bolunye uhlanga, abangalukileyo ngentliziyo, abangalukileyo ngenyama, ukuba babe sengcweleni yam, ukuba bayihlambele indlu yam le, nakusondeza ukudla kwam, amanqatha negazi. Umnqophiso wam nawaphula ke phezu kwamasikizi enu onke;
  
8. anasigcina isigxina sengcwele yam; nabamisa abaya ukuba banigcinele isigxina sam engcweleni yam.
  
9. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Bonke oonyana bolunye uhlanga, abangalukileyo ngentliziyo, abangalukileyo ngenyama, abayi kungena engcweleni yam, bakubo bonke oonyana bolunye uhlanga, abaphakathi koonyana bakaSirayeli.
  
10. Ke kwanabaLevi, abakhwelelayo kude kum, ekundwendweni kwamaSirayeli awandwendwayo kum, alandela izigodo zawo, aya kubuthwala ubugwenxa bawo.
  
11. Baya kwanela ukuba ngabalungiseleli engcweleni yam, bengabaveleli bamasango endlu le, belungiselela endlwini le. Abo baya kuxhelela abantu idini elinyukayo nombingelelo, bona beme phambi kwabo, ukuba babalungiselele.
  
12. Ngenxa enokuba babalungiselelayo phambi kwezigodo zabo, baba sisikhubekiso sobugwenxa kwindlu kaSirayeli, ngenxa yoko ndibaphakamisele isandla sam, itsho iNkosi uYehova, ukuba babuthwale ubugwenxa babo.
  
13. Abayi kufika kum, ukuba benzelelele kum, bangafiki kwiingcwele zam zonke, kwingcwele kangcwele yam; baya kuthwala ke ihlazo labo namasikizi abo abawenzileyo.
  
14. Ndobenza babe ngabagcini besigxina sendlu le ngokwenkonzo yayo yonke, nangokwezinto zonke ezenzelwa kuyo.
  
15. Ke bona ababingeleli abaLevi, oonyana bakaTsadoki, abasigcinayo isigxina sengcwele yam, ekundwendweni koonyana bakaSirayeli kum, bosondela bona kum, ukuba bandilungiselele, beme phambi kwam, ukuba basondeze kum inqatha negazi; itsho iNkosi uYehova.
  
16. Bongena bona engcweleni yam, basondele bona esithebeni sam, ukuba bandilungiselele, bagcine isigxina sam.
  
17. Kothi, ekungeneni kwabo ngamasango entendelezo ephakathi, bambathe iingubo zelinen; kungabikho nto yoboya kubo ekulungiseleleni kwabo emasangweni entendelezo ephakathi, naxa bakuyo indlu.
  
18. Zoba ziinkontsho zelinen ezintlokweni zabo, ibe ziibhulukhwe zelinen ezinqeni zabo; abayi kubhinqa, bazibilise.
  
19. Bothi, ekuphumeni kwabo, besinga entendelezweni engaphandle, entendelezweni engaphandle besiya ebantwini, bazihlube iingubo zabo ababelungiselela benazo, bezibeke emagumbini angcwele, bambathe ngubo zimbi, bangabangcwalisi abantu ngeengubo zabo.
  
20. Mabangazichebi iintloko, bangaziyeki iinwele zabo zibe ngamayakayaka; bozinquthula iintloko.
  
21. Mabangaseli wayini bonke ababingeleli ekungeneni kwabo entendelezweni ephakathi.
  
22. Umhlolokazi nomfazi owaliweyo mabangabazeki babe ngabafazi babo; bozeka iintombi eziziintombi kwimbewu yendlu kaSirayeli, kwanomhlolokazi othe waba ngumhlolokazi wombingeleli.
  
23. Bobayala abantu bam, ukuba bahlule okungcwele kokuhlambeleyo, babazise okuyinqambi nokuhlambulukileyo.
  
24. Ekubambaneni kwabantu mabeme bona, bagwebe ngokwamasiko am, bagcine imiyalelo yam nemimiselo yam ngamaxesha am onke amisiweyo, bazingcwalise iisabatha zam.
  
25. Mabangayi emntwini ofileyo, bazenze iinqambi; kungaba kungoyise, nonina, nonyana, nentombi yabo, nomzalwana, nodade wabo ongabanga nandoda, abangazenza iinqambi ngabo, bona bodwa.
  
26. Bombalela imihla esixhenxe emva kokuhlanjululwa kwakhe.
  
27. Ngomhla ke wokungena kwakhe engcweleni, entendelezweni ephakathi, ukuze alungiselele engcweleni, wosondeza idini lakhe lesono; itsho iNkosi uYehova.
  
28. Oko koba lilifa labo, ibe ndim ilifa labo; ningabaniki nzuzo kwaSirayeli; ndim inzuzo yabo.
  
29. Umnikelo wokudla, nedini lesono, nedina letyala, bodla ezo zinto bona; zonke izinto ezisingelwe phantsi kwaSirayeli ziya kuba zezabo.
  
30. Iingqalo zeentlahlela zonke ezintweni zonke, nemirhumo yonke yeento zonke, kwimirhumo yenu yonke, yoba yeyababingeleli; nengqalo yomgrayo wenu noyinika umbingeleli, ukuze ahlise intsikelelo phezu kwendlu yakho.
  
31. Ababingeleli abayi kudla nto izifeleyo neqwengiweyo, nokuba kusezintakeni, nokuba kusezinkomeni.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES