Bible Study: FrontPage




 

Ezekiel, Chapter 46

Bible Study - Ezekiel 46 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Isango lentendelezo ephakathi, elikhangele empumalanga, lohlala livaliwe ngeentsuku ezintandathu zokusebenza; ngomhla wesabatha livulwe, ngomhla wokuthwasa kwenyanga livulwe.
  
2. Songena isikhulu ngendlela yasevarandeni yesango, sivela ngaphandle, sime emigubasini yesango, ababingeleli balungiselele idini laso elinyukayo, nemibingelelo yaso yoxolo, siqubude embundwini wesango; siphume ke; lingavalwa isango elo kude kuhlwe.
  
3. Abantu belizwe eli boqubuda ekungeneni kwesango ngesabatha nasekuthwaseni kwenyanga, phambi koYehova.
  
4. Idini elinyukayo, esosondeza lona isikhulu kuYehova ngomhla wesabatha, loba ziimvana ezintandathu ezigqibeleleyo, nenkunzi yegusha egqibeleleyo.
  
5. Nomnikelo wokudla woba yiefa enkunzini leyo yegusha; ezimvaneni ezo umnikelo wokudla ube ngumnikelo wesandla saso, ihin yeoli kuyo iefa.
  
6. Ngosuku lokuthwasa kwenyanga, liya kuba yinkunzi entsha egqibeleleyo, ithole lenkomo, neemvana ezintandathu, nenkunzi yegusha, zigqibelele zonke.
  
7. Solungiselela umnikelo wokudla, iefa kuyo inkunzi entsha yenkomo, ne-efa kuyo inkunzi yegusha, kuzo iimvana ibe yinto esinokufikelela kuyo isandla saso, ibe yihin yeoli kuyo iefa.
  
8. Ekuzeni kwesikhulu, songena ngendlela yasevarandeni yesango, siphume kwangendlela yayo.
  
9. Ekuzeni ke kwabantu belizwe eli phambi koYehova ngamaxesha amisiweyo, ongene ngendlela yesango langasentla, esiza kunqula, wophuma ngendlela yesango langasezantsi; ongene ngendlela yesango langasezantsi, wophuma ngendlela yesango langasentla; akayi kubuya ngendlela yesango angene ngalo; bothi gca ukuphuma.
  
10. Isikhulu songena siphakathi kwabo ekungeneni kwabo; bathi ekuphumeni kwabo, siphume kunye nabo.
  
11. Umnikelo wokudla ngemithendeleko nangamaxesha amisiweyo woba yiefa kuyo inkunzi entsha yenkomo, ne-efa kuyo inkunzi yegusha, uthi ezimvaneni uligane nesandla saso, ibe yihin yeoli kuyo iefa.
  
12. Xa sithe isikhulu samenzela uYehova idini elinyukayo ngokuqhutywa yintliziyo, nokuba yimibingelelo yoxolo ngokuqhutywa yintliziyo, malivulwe isango elibheke empumalanga, silungiselele idini laso elinyukayo, nemibingelelo yaso yoxolo, njengoko silungiselelayo ngomhla wesabatha; siphume ke; balivale isango emva kokuphuma kwaso.
  
13. Boyilungiselela imvana emnyaka mnye, egqibeleleyo, ibe lidini elinyukayo ngemini kuYehova, balilungiselele imiso ngemiso yonke.
  
14. Bolungiselela umnikelo wokudla kunye nalo imiso ngemiso yonke, ube sisahlulo sesithandathu se-efa, neoli ibe sisahlulo sesithathu sehin yokunyakamisa umgubo ocoliweyo; ube ngumnikelo wokudla kuYehova; leyo yoba yimimiselo engunaphakade emiyo.
  
15. Bolungiselela imvana, nomnikelo wokudla, neoli, imiso ngemiso yonke, ibe lidini elinyukayo elimiyo.
  
16. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Xa sithe isikhulu sampha omnye koonyana baso isipho, soba lilifa lakhe, sibe sesoonyana bakhe; yinzuzo yabo ngokwelifa.
  
17. Xa sithe sampha omnye kubakhonzi baso isipho elifeni laso, soba sesalowo, kude kuse kumnyaka wenkululeko, sibuyele kwisikhulu; ilifa laso loba leloonyana baso bodwa.
  
18. Isikhulu eso asiyi kuthabatha elifeni labantu, ukuze sibaxinzelele phantsi, bahlukane nenzuzo yabo. Sobadlisa oonyana baso ilifa kweyeyaso inzuzo; ukuze bangabi lusali abantu bam, elowo ahlukane nenzuzo yakhe.
  
19. Ekungeneni ngasecaleni lesango, wandisa emagumbini angcwele ababingeleli, akhangele ngentla; nanko, kukho indawo khona esiphelweni, ngasentshonalanga.
  
20. Wathi kum, Le yindawo apho ababingeleli bophekela khona idini letyala, nedini lesono. Bosela khona umnikelo wokudla, ukuze bangaphumi nawo, baye entendelezweni engaphandle, ukuba bangcwalise abantu.
  
21. Waphuma waya nam entendelezweni engaphandle, wandidlulisa emagumbini omane entendelezo; nanko, kukho intendelezo emagumbini onke entendelezo, iyintendelezo egumbini lentendelezo.
  
22. Emagumbini omane ayo intendelezo ibe izintendelezo ezivaliweyo: ubude buziikubhite ezimashumi mane, ububanzi buziikubhite ezimashumi mathathu, umlinganiso umnye kuloo magumbi omane.
  
23. Bekukho ucamba lwezakhiwo olujikelezileyo kuzo, lujikelezile kuzo zone; kukho amaziko okupheka, enziwe ngaphantsi kweengcamba ngeenxa zonke.
  
24. Wathi kum, Ezi zizindlu zokupheka, apho abalungiseleli bayo indlu baphekela khona umbingelelo wabantu.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES