Bible Study: FrontPage




 

Genesis, Chapter 15

Bible Study - Genesis 15 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Emveni kwezo zinto, lafika ilizwe likaYehova kuAbram ngombono, lisithi, Musa ukoyika, Abram; ndiyingweletshetshe yakho, umvuzo wakho omkhulu kunene.
  
2. Wathi uAbram, Nkosi yam, Yehova, wondinika ntoni na? Ndihamba ndingenamntwana; indlamafa yendlu yam ngulo Eliyezere waseDamasko.
  
3. Wathi uAbram, Yabona, akundinikanga mbewu; yabona, umntu ongowendlu yam uya kuba yindlamafa yam.
  
4. Nalo ilizwi likaYehova lifika kuye, lisithi, Akayi kuba yindlamafa yakho lo; ngoya kuphuma ezibilini zakhe, yena oya kuba yindlamafa yakho.
  
5. Wamsa phandle, wathi, Khawubheke phezulu ezulwini, uzibale iinkwenkwezi, ukuba unokuzibala; wathi kuye, Iya kuba njalo ke imbewu yakho.
  
6. Wakholwa kuYehova; oko wakubalela ebulungiseni kuye.
  
7. Wathi kuye, NdinguYehova owakukhuphayo eUre yamaKaledi, ukuba ndikunike eli lizwe, ulidle ilifa.
  
8. Wathi yena, Nkosi Yehova, ndiya kwazi ngantoni na, ukuba ndiya kulidla ilifa?
  
9. Wathi kuye, Ndithabathele ithokazi eliminyaka mithathu, nemazi yebhokhwe eminyaka mithathu, nenkunzi yemvu eminyaka mithathu, nehobe, negobo levukuthu.
  
10. Wamthabathela ke zonke ezo zinto, wazicanda kubini, wazibeka izahlulo, esinye sakhangelana nesinye; ke zona iintaka akazicanda.
  
11. Ehla amaxhalanga phezu kwezidumbu, wawaphekuza uAbram.
  
12. Kwathi, xa litshonayo ilanga, efikelwe uAbram bubuthongo obukhulu, wabo na efikelwa kukothuka nabubumnyama obukhulu.
  
13. Wathi kuAbram, Yazi ke, ukuba imbewu yakho iya kuba ngumphambukeli ezweni elingelayo, ibakhonze abo, bayicinezele, iminyaka emakhulu mane.
  
14. Kananjalo uhlanga eya kulukhonza ndiya kulugweba; emveni koko iya kuphuma ineempahla ezininzi.
  
15. Ke wena uya kuya kooyihlo unoxolo; ungcwatywe uyingwevu enkulu.
  
16. Kwesesine isizukulwana iya kubuyela apha, kuba ubugwenxa bama-Amori abukazaliseki.
  
17. Kwathi, lakuba litshonile ilanga, kwakuba sithokothoko, wabona kukho; iziko eliqhumayo, elinelangatye elidangazelayo, elacanda phakathi kwezo zahlulo.
  
18. Ngaloo mini ke uYehova wenza umnqophiso noAbram, wathi, Imbewu yakho ndiyinike eli lizwe, lithabathele emlanjeni waseYiputa, lise emlanjeni omkhulu, emlanjeni ongumEfrati:
  
19. amaKeni, namaKinazi, namaKadimon,
  
20. namaHeti, namaPerizi, namaRafa,
  
21. nama-Amori, namaKanan, namaGirigashi, namaYebhusi.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES