Bible Study: FrontPage




 

Genesis, Chapter 30

Bible Study - Genesis 30 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ke kaloku akubona uRakeli ukuba akamzaleli mntwana uYakobi, uRakeli wammonela udade wabo, wathi kuYakobi, Ndinike abantwana; ukuba akundiniki, ndofa.
  
2. Wavutha umsindo kaYakobi ngakuRakeli, wathi, Ndisesikhundleni sikaThixo na, okuvimbileyo isiqhamo sesizalo?
  
3. Wathi yena, Nantso impelesi yam uBhiliha; yingene, izalele emadolweni am, ndakheke nam ngayo.
  
4. Wamnika ke uBhiliha, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumfazi; uYakobi wamngena.
  
5. Wamitha uBhiliha, wamzalela uYakobi unyana.
  
6. Wathi uRhakeli, UThixo undigwebele, kananjalo uliphulaphule izwi lam, wandinika unyana; ngenxa yoko wamthiya igama elinguDan.
  
7. Wabuya wamitha uBhiliha, umkhonzazana kaRakeli, wamzalela uYakobi unyana wesibini.
  
8. Wathi uRakeli, Ndizamene nodade wethu imizamo kaThixo, kananjalo ndeyisa; wamthiya igama elinguNafetali.
  
9. Ke kaloku wabona uLeya ukuba unqamkile ukuzala, wathabatha uZilipa, umkhonzazana wakhe, wamnika uYakobi ukuba abe ngumfazi.
  
10. UZilipa, umkhonzazana kaLeya, wamzalela uYakobi unyana.
  
11. Wathi uLeya, Lithamsanqa! Wamthiya igama elinguGadi.
  
12. UZilipa, umkhonzazana kaLeya, wamzalela uYakobi unyana wesibini.
  
13. Wathi uLeya, Ndiva uyolo, ngokuba iintombi ziya kuthi ndinoyolo. Wamthiya igama elinguAshere.
  
14. Waya uRubhen ngemihla yovuno lwengqolowa, wafumana amathuma endle, wawazisa kuLeya unina. Wathi uRakeli kuLeya, Khawundiphe emathumeni onyana wakho lawo.
  
15. Wathi kuye, Yinto encinane na ukuyithabatha indoda yam, ubuye uthabathe namathuma onyana wam? Wathi uRakeli, Ngako oko mayilale nawe ngobu busuku, ngenxa yamathuma onyana wakho lawo.
  
16. Wafika uYakobi evela ezindle ngokuhlwa, waphuma uLeya esiya kumkhawulela, wathi, Uze undingene, kuba ndikuqeshile ngamathuma onyana wam. Walala ke naye ngobo busuku.
  
17. UThixo wamphulaphula uLeya; wamitha, wamzalela uYakobi unyana wesihlanu.
  
18. Wathi uLeya, UThixo undinikile umvuzo wam, ngenxa yokuba indoda yam ndiyinike umkhonzazana wam.
  
19. Wamthiya igama elinguIsakare. Wabuya wamitha uLeya, wamzalela uYakobi unyana wesithandathu.
  
20. Wathi uLeya, UThixo undiphe isipho esilungileyo; okwesi sihlandlo indoda yam iya kuhlala nam, kuba ndiyizalele oonyana abathandathu. Wamthiya igama elinguZebhulon.
  
21. Emveni koko wazala intombi, wayithiya igama elinguDina.
  
22. Ke kaloku uThixo wamkhumbula uRakeli uThixo wamphulaphula, wasivula isizalo sakhe.
  
23. Wamitha, wazala unyana, wathi, UThixo ukususile ukungcikivwa kwam.
  
24. Wamthiya igama elinguYosefu, wathi, UYehova makongezelele omnye unyana.
  
25. Kwathi, xa uRakeli ebemzele uYosefu, wathi uYakobi kuLabhan, Ndindulule ndiye endaweni yakowethu, ezweni lakowethu.
  
26. Ndinike abafazi bam nabantwana bam, endikukhonze ngenxa yabo, ndihambe; kuba wena uyayazi inkonzo yam endikukhonze ngayo.
  
27. Wathi uLabhan kuye, Ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, hlala; ndihlabe ukuthi uYehova undisikelele ngenxa yakho.
  
28. Wathi, Ndimisele kakuhle umvuzo wakho ondifaneleyo, ndikunike.
  
29. Wathi kuye, Uyalwazi nawe uhlobo lokukukhonza kwam, nohlobo lokuhlala kwempahla yakho nam.
  
30. Kuba obunayo ndingekafiki yabe imbalwa, ngoku izazekile yaninzi; uYehova ukusikelele apho unyawo lwam luthe lwanyathela; kaloku ndiya kuyisebenzela nini na mna eyam indlu?
  
31. Wathi, Ndikunike ntoni na? Wathi uYakobi, Akuyi kundinika nento le; ukuba uthe wandenzela le ndawo, ndobuya ndiyaluse impahla yakho emfutshane, ndiyigcine.
  
32. Ndiya kucanda phakathi kwayo yonke impahla yakho emfutshane namhlanje, ndihambe ndikhetha kuyo zonke iingusha ezinala, nezirhwexu, neegusha zonke ezimnyama phakathi kwamatakane, nazo zonke ezirhwexu nezinala phakathi kweebhokhwe, zibe ngumvuzo wam;
  
33. bundingqinele ke ubulungisa bam ngexesha elizayo, xa uthe weza kumvuzo wam ophambi kwakho: zonke ezingenala, nezingerhwexu phakathi kweebhokhwe, nezingemnyama phakathi kweegusha, zoba zezibiweyo ezo, xa zithe zakum.
  
34. Wathi uLabhan, Yabona, makube ngokwelizwi lakho elo.
  
35. Wazikhetha ngaloo mhla iinkunzi zeebhokhwe ezinemizila, nezirhwexu, nazo zonke iimazi zeebhokwe ezinakazi, nezirhwexukazi, zonke ezinobumhlophe, nazo zonke ezimnyama phakathi kwamatakane, wazinikela esandleni soonyana bakhe.
  
36. Wamisa uhambo lweemini ezintathu phakathi kwabo noYakobi; uYakobi walusa eseleyo ke impahla emfutshane kaLabhan.
  
37. Ke kaloku uYakobi wathabatha iintonga zompopulari omhlophe ezimanzi, nezom-amangile, nezompleyini, wachuba iindawo ezimhlophe kuzo, exwebula buvele ubumhlophe obusezintongeni ezo.
  
38. Wazimisa iintonga abezichubile emijelweni, emikhumbini yamanzi, apho impahla emfutshane ibiza kusela khona, phambi kwempahla emfutshane, ukuba iphathane xa iza kusela.
  
39. Yaphathana ke impahla emfutshane phambi kweentonga ezo, yazala impahla emfutshane enemizila, nerhwexu, nenala.
  
40. Wawahlula uYakobi amatakane lawo, wabukhangelisa ubuso bempahla emfutshane malunga nenemizila, nemnyama, yonke empahleni emfutshane kaLabhan; wayibeka yodwa eyakhe imihlambi, akayibeka empahleni emfutshane kaLabhan.
  
41. Kwathi, xa iphathanayo eyomeleleyo empahleni emfutshane, uYakobi wazibeka iintonga phambi kwempahla emfutshane emijelweni, ukuze iphathane phakathi kweentonga.
  
42. Xa ityhafileyo impahla emfutshane, akazibekanga; yathi ke etyhafileyo yaba yekaLabhan, eyomeleleyo yaba yekaYakobi.
  
43. Yanda indoda leyo kakhulu kunene, Yanda indoda leyo kakhulu kunene, yaba nempahla emfutshane enizi, nabakhonzazana, nabakhonzi, neenkamela, namaesile.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES