Bible Study: FrontPage




 

Genesis, Chapter 35

Bible Study - Genesis 35 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ke kaloku wathi uThixo kuYakobi, Suka uye eBheteli, uhlale khona, wenze khona isibingelelo kuThixo, owabonakalayo kuwe ekubalekeni kwakho ebusweni bukaEsawu, umkhuluwa wakho.
  
2. Wathi ke uYakobi kwindlu yakhe, nakubo bonke ababenaye, Susani izithixo zasemzini eziphakathi kwenu, nina nizihlambulule, ninxibe ngubo zimbi;
  
3. sisuke, sinyuke siye eBheteli, senze khona isibingelelo kuThixo, owandiphendula ngomhla wokubandezeleka kwam, obe nam endleleni endandihamba ngayo.
  
4. Bazinika uYakobi zonke izithixo zasemzini ebezisesandleni sabo, namajikazi abesezindlebeni zabo; uYakobi wazimbela phantsi komoki obungakwaShekem.
  
5. Banduluka; uqhiphulo-mbilini ngoThixo lwaba phezu kwemizi ngeenxa zonke kubo, ayabasukela oonyana bakaYakobi.
  
6. Wafika uYakobi eLuzi, esezweni lakwaKanan, ekwayiBheteli; yena nabo bonke abantu ababenaye.
  
7. Wakha khona isibingelelo, wathi loo ndawo ukuyibiza nguThixo waseBheteli; kuba kulapho uThixo wazityhilayo kuye, ekubalekeni kwakhe ebusweni bomkhuluwa wakhe.
  
8. Wafa uDebhora, umanyisikazi kaRebheka, angcwatywa ngasezantsi kweBheteli, phantsi kom-oki; kwathiwa igama layo nguMoki wokuLila.
  
9. UThixo wabuya wabonakala kuYakobi ekuveleni kwakhe ePadan-aram, wamsikelela.
  
10. Wathi uThixo kuye, Igama lakho nguYakobi; akuyi kuba sathiwa igama lakho nguYakobi, kuya kuthiwa igama lakho nguSirayeli; wamthiya ke igama elinguSirayeli.
  
11. Wathi uThixo kuye, NdinguThixo uSomandla. Qhama, wande; uhlanga nesikhungu seentlanga siya kuvela kuwe, nookumkani baphume esinqeni sakho.
  
12. Ilizwe endalinika uAbraham noIsake ndilinike wena; ndilinike imbewu yakho emva kwakho ilizwe elo.
  
13. Wenyuka uThixo, wemka kuye kuloo ndawo abethethe naye kuyo.
  
14. UYakobi wamisa isimiso kuloo ndawo abethethe naye kuyo, isimiso samatye; wathulula phezu kwaso umnikelo othululwayo, wagalela neoli phezu kwaso.
  
15. UYakobi wathi igama laloo ndawo, uThixo abethethe naye kuyo, yiBheteli.
  
16. Banduluka eBheteli. Kwathi, kusemganyana ukuba kufikwe e-Efrata, wazala uRakeli, kwaba nzima ukuzala kwakhe.
  
17. Kwathi, kwakuba nzima ukuzala kwakhe, wathi umzalisikazi kuye, Musa ukoyika, kuba nalo ngunyana wakho.
  
18. Kwathi ekupumeni komphefumlo wakhe, kuba wafayo, wathi nguBhenoni igama lakhe; ke yena uyise wathi nguBhenjamin.
  
19. Wafa ke uRakeli, wangcwatyelwa endleleni yase-Efrata eyiBhetelehem.
  
20. UYakobi wamisa isimiso phezu kwengcwaba lakhe; sisimiso sengcwaba likaRakeli nanamhla.
  
21. USirayeli wayincothula intente yakhe, waya wayitwabulula ngaphaya kweMigdoli-edere.
  
22. Kwathi, ekuhlaleni kukaSirayeli kwelo zwe, waya uRubhen, wamlala uBhiliha, ishweshwe likayise; weva ke uSirayeli. Oonyana bakaYakobi babelishumi elinababini.
  
23. Oonyana bakaLeya nguRubhen, owamazibulo kuYakobi, noSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noZebhulon.
  
24. Oonyana bakaRakeli nguYosefu noBhenjamin.
  
25. Oonyana bakaBhiliha, umkhonzazana kaRakeli, nguDan noNafetali.
  
26. Oonyana bakaZilipa, umkhonzazana kaLeya, nguGadi noAshere. Ngabo abo oonyana bakaYakobi, awabazalelwa ePadan-aram.
  
27. UYakobi waya kuIsake uyise kwaMamre, eKiriyati ka-Arbha, eHebron, apho babengabaphambukeli khona uAbraham noIsake.
  
28. Imihla kaIsake yaba yiminyaka elikhulu elinamanci asibhozo.
  
29. UIsake waphuma umphefumlo, wafa, wahlanganiselwa kwabakowabo, aluphele, ephelele ebudaleni. Bamngcwaba ooEsawu noYakobi, oonyana bakhe.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES