Bible Study: FrontPage




 

Genesis, Chapter 45

Bible Study - Genesis 45 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. UYosefu akabanga nakuzibamba phambi kwabo bonke ababemi ngakuye. Wadanduluka wathi, Khuphani bonke abantu, bemke kum. Akwabakho mntu umi ngakuye ekuzaziseni kukaYosefu kubazalwana bakhe.
  
2. Wasibeka isililo; eva amaYiputa, yeva nendlu kaFaro.
  
3. Wathi uYosefu kubazalwana bakhe, NdinguYosefu; usaphilile na ubawo? Ababa nako ukumphendula abazalwana bakhe; kuba bakhwankqiswa phambi kwakhe.
  
4. Wathi, uYosefu kubazalwana bakhe, Khanisondele kum apha. Basondela. Wathi, NdinguYosefu, umzalwana wenu, enathengisayo ngaye eYiputa.
  
5. Ngoko musani ukuba buhlungu, ningaziqumbeli, ukuba nathengisa ngam apha; kuba uThixo wandithuma phambi kwenu ukuze ndisindise abantu.
  
6. Kuba ngoku iminyaka mibini indlala ikho phakathi kwelizwe; isemihlanu iminyaka ezayo, ekungayi kubakho kulima nakuvuna ngayo.
  
7. UThixo undithume phambi kwenu, ukuba ndinimisele amasalela ezweni, ukuba ndisindise ubomi benu, ibe kukusinda okukhulu.
  
8. Ngoko ke asinini abandithume apha, nguThixo; wandenza uyise kuFaro, nenkosi phezu kwayo yonke indlu yakhe, nomlawuli ezweni lonke laseYiputa.
  
9. Khawulezani, ninyuke niye kubawo, nithi kuye, Utsho unyana wakho uYosefu ukuthi, UThixo undenze inkosi kuyo yonke iYiputa; yihla uze kum, musa ukulibala.
  
10. Wohlala ezweni laseGoshen, ube kufuphi kum, wena, noonyana bakho, noonyana boonyana bakho, nempahla yakho emfutshane, neenkomo zakho, nezinto zonke onazo;
  
11. ndikondle khona, kuba isaya kuba mihlanu iminyaka yendlala; hleze uhlwempuzeke wena, nendlu yakho, nento yonke onayo.
  
12. Yabonani, amehlo enu ayabona, namehlo omninawa wam uBhenjamin, ukuba ngumlomo wam lo uthethayo kuni.
  
13. Nize nimxelele ubawo lonke uzuko lwam eYiputa, nezinto zonke enizibonileyo, nikhawuleze nihle nobawo, eze apha.
  
14. Wawa entanyeni kaBhenjamin, umninawa wakhe, walila; uBhenjamin walila entanyeni yakhe.
  
15. Wabanga bonke abazalwana bakhe, walila phezu kwabo. Emveni koko, abazalwana bakhe bathetha naye.
  
16. Lavakala izwi endlwini kaFaro, lisithi, Bafikele abazalwana bakaYosefu. Kwalunga oko emehlweni kaFaro, nasemehlweni abakhonzi bakhe.
  
17. Wathi uFaro kuYosefu, Yithi kubazalwana bakho, Yenzani oku: bophani amaqegu enu, nihambe niye ezweni lakwaKanan,
  
18. nithabathe uyihlo nezindlu zenu, nise kum apha. Ndoninika izinto ezilungileyo zelizwe laseYiputa, nidle ukutyeba kwelizwe.
  
19. Wena ke uwiselwe umthetho, yenzani oku; bathabatheleni abantwana benu, nabafazi benu, iinqwelo ezweni laseYiputa, nithwale uyihlo, nize.
  
20. Iliso lenu malingabi nanceba empahleni yenu, kuba zonke izinto ezilungileyo zelizwe lonke laseYiputa zezenu.
  
21. Benjenjalo ke oonyana bakaSirayeli. UYosefu wabanika iinqwelo ngokomthetho kaFaro; wabanika nomphako wendlela.
  
22. Wabanika bonke elowo iingubo zokukhululana. Wamnika uBhenjamin iisilivere ezimakhulu mathathu, neengubo ezintlanu zokukhululana.
  
23. Kuyise wathumela ezilolu hlobo: amaesile alishumi, ethwele izinto ezilungileyo zaseYiputa, neemazi zamaesile ezilishumi, zithwele ingqolowa, nesonka, nomphako kayise wendlela.
  
24. Wabandulula ke abazalwana bakhe, bahamba; wathi kubo, Ize ningaxabani endleleni.
  
25. Benyuka, bemke ke eYiputa, bafika ezweni lakwaKanan kuYakobi uyise.
  
26. Bamxelela besithi, UYosefu usahleli; ewe, ungumphathi welizwe lonke laseYiputa. Yaqoba intliziyo yakhe, kuba ebengakholwa ngabo.
  
27. Bawathetha kuye onke amazwi kaYosefu, abewathethile kubo. Wazibona iinqwelo abezithumele uYosefu, ukuba zimthwale; waza waphila umoya kaYakobi uyise.
  
28. Wathi uSirayeli, Kwanele. UYosefu unyana wam usahleli. Ndiya kuya ndimbone, ndingekafi.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES