Bible Study: FrontPage




 

Genesis, Chapter 49

Bible Study - Genesis 49 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Wababiza ke uYakobi oonyana bakhe, wathi, Zihlanganiseni, ndinixelele okuya kunihlela ngemihla yokugqibela.
  
2. Qukanani, niphulaphule, nyana bakaYakobi, Niphulaphule uSirayeli uyihlo.
  
3. Rubhen, wena mazibulo am, mandla am, ngqalo yokuqina kwam, Ncamisa yokuphakama, ncamisa yegunya,
  
4. Uxhaphazelayo njengamanzi, akusayi kuba ncamisa kunje; Kuba wenyukayo waya esililini sikayihlo, Wangcolisa oko, wenyuka waya emandlalweni wam.
  
5. USimon noLevi ngabazalwana; Ziintonga zokugonyamela izikhali zabo.
  
6. Egquguleni labo uze ungangeni umphefumlo wam, Nesikhungu sabo lungazibandakanyi uzuko lwam; Kuba ngomsindo wabo babulala amadoda, Ngokuzithandela kwabo bazinqumla imisipha iinkomo.
  
7. Uqalekisiwe umsindo wabo, ngokuba unobungcwangu: Ukuphuphuma kwabo umsindo, ngokuba unzima. Ndiya kubachithachitha kwaYakobi, Ndibaphangalalise kwaSirayeli.
  
8. Yuda, abazalwana bakho baya kukudumisa, Isandla sakho sibe sentanyeni yeentshaba zakho; Baya kuqubuda kuwe oonyana bakayihlo.
  
9. Lithole lengonyama uYuda; Usuke ekuqwengeni, nyana wam, Waguqa, wabuthuma njengengonyama, Njengengonyamakazi; ngubani na oya kumvusa?
  
10. Intonga ayiyi kumka kuYuda, Intonga yommisi-mthetho ayiyi kumka phakathi kweenyawo zakhe, Ade afike uShilo, Zimlulamele izizwe.
  
11. Ngukhuleka emdiliyeni imazi yakhe ye-esile, Ukhuleka kowohlobo inkonyana yakhe ye-esile; uhlamba ngewayini isambatho sakhe, Ngegazi lediliya ingubo yakhe;
  
12. Umehlo abomvu yiwayini, Umazinyo amhlophe ngamasi.
  
13. UZebhulon uya kuma ngasezibukweni lolwandle,
  
14. Ewe, ngasezibukweni leenqanawa, Icala lakhe lisingise eTsidon. UIsakare yinyathi ye-esile, Ulala phakathi kweentlanti.
  
15. Wakubona ukuphumla ukuba kulungile, Nelizwe ukuba limnandi; Igxalaba lakhe walithobela ukuthwala, waba ngumsebenzi ofakwa uviko.
  
16. UDan uya kugweba phakathi kwabantu bakowabo, Njengezinye izizwe zakwaSirayeli.
  
17. UDan makabe yinyoka ngasendleleni, Irhamba ngasemendweni, Eliluma izithende zehashe, Awe ngomva olikhweleyo.
  
18. Usindiso lwakho, Yehova, ndiluthembile.
  
19. UGadi ungenelwa ngamatutu, Ke yena uwangenela ezithendeni.
  
20. KuAshere kuphuma amafutha, isonka sakhe eso; Yena unika izinto eziyolisa ookumkani.
  
21. UNafetali yimazi yexhama ekhululweyo, ukhupha amazwi amahle.
  
22. NguGatya lomthi oqhamayo uYosefu, UGatya lomthi oqhamayo ngasemthonjeni, Omasebe aqabele eludongeni.
  
23. UBamcubunga bamtola, Bamchasa abatoli;
  
24. USihlala sithe nkqi isaphetha sakhe, UMikhono yezandla zakhe inokusityeda, Ngezandla zembalasane kaYakobi, Khona apho akhoyo umalusi, ilitye likaSirayeli;
  
25. NgoThixo wooyihlo—akuncede, NgoSomandla—akusikelele, Ibe ziintsikelelo zamazulu ezivela phezulu, Iintsikelelo zamanzi enzonzobila alele ezantsi, Iintsikelelo zamabele, nezesizalo.
  
26. Iintsikelelo zikayihlo Zizigqithile iintsikelelo zomawokhulu, Zasa nasemdeni weentaba zanini; Mazibe sentloko kuYosefu, Ebuchotsheni bobalulweyo kubazalwana bakhe!
  
27. UBhenjamin yingcuka eqwengayo; Kusasa uya kudla okuphangiweyo, Ngokuhlwa uya kwaba okuthinjiweyo.
  
28. Bonke aba zizizwe zakwaSirayeli ezilishumi elinazibini; yiyo leyo into awayithethayo kubo uyise, wabasikelela; elowo ngokwentsikelelo yakhe wabasikelela.
  
29. Wabawisela umthetho, wathi kubo, Ndiza kuhlanganiselwa kwabakowethu; ndingcwabeni noobawo emqolombeni osentsimini kaEfron umHiti,
  
30. emqolombeni osentsimini yaseMakapela, ophambi kowakwaMamre, ezweni lakwaKanan, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi kuEfron umHiti, ukuba abe nendawo eyiyeyakhe yokungcwaba.
  
31. Bamngcwaba khona apho uAbraham noSara umkakhe; bamngcwaba khona apho uIsake noRebheka umkakhe; ndamngcwaba khona apho uLeya.
  
32. Yathengwa intsimi leyo nomqolomba okuyo koonyana bakaHeti.
  
33. Wagqiba ke uYakobi ukuyolela oonyana bakhe, wazifinyezela esingqengqelweni iinyawo zakhe, waphuma umphefumlo, wahlanganiselwa kwabakowabo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES