Bible Study: FrontPage




 

Genesis, Chapter 9

Bible Study - Genesis 9 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. UThixo wamsikelela uNowa noonyana bakhe, wathi kubo, Qhamani, nande, nizalise ihlabathi.
  
2. Ukoyikeka kwenu, nokuqhiphula kwenu umbilini, makube phezu kwezinto zonke eziphilileyo zomhlaba, naphezu kweentaka zonke zezulu, nakwiinto zonke ezinambuzelayo emhlabeni, nakwiintlanzi zonke zolwandle; zona zinikelwe esandleni senu.
  
3. Zonke izinambuzane eziphilileyo mazibe kukudla kuni; njengomfuno oluhlaza, ndininikile oko konke.
  
4. Yinyama yodwa enomphefumlo wayo, enegazi layo, eningasayi kuyidla.
  
5. Ligazi lenu lodwa, imiphefumlo yenu ke, endiya kulibiza; esandleni sezinto zonke eziphilileyo ndiya kulibiza, nasesandleni somntu; esandleni salowo ungumzalwana wakhe, ndiya kuwubiza umphefumlo womntu.
  
6. Ophalaza igazi lomntu, igazi lakhe lophalazwa ngumntu, ngokuba umntu wenziwa ngokomfanekiselo kaThixo.
  
7. Nina ke, qhamani nande, nilizalise ihlabathi, nande kulo.
  
8. Watsho uThixo kuNowa, nakoonyana bakhe ndawonye naye, ukuthi,
  
9. Yabonani, mna ndiyawumisa umnqophiso wam nani, nembewu yenu emva kwenu,
  
10. nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ekuni, kwiintaka, nakwizinto ezizitho zine, nakwizinto zonke eziphilileyo zehlabathi ezikuni; kwiinto zonke eziphume emkhombeni, ezizizinto zonke eziphilileyo zehlabathi.
  
11. Ndiwumise umnqophiso wam nani, ukuba ingabi sanqunyulwa yonke inyama ngamanzi onogumbe, kungabi sabakho nogumbe wokulonakalisa ihlabathi.
  
12. Wathi uThixo, Nguwo lo umqondiso womnqophiso endiwubekayo phakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ekuni, kuse kwizizukulwana zasephakadeni:
  
13. umnyama wam ndiwubeke efini, ukuba ube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nehlabathi.
  
14. Kothi, ndakuwusibekelisa ngelifu umhlaba, ubonakale umnyama lowo efini;
  
15. ndiwukhumbule umnqophiso wam ophakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enyameni yonke, angabi sabakho amanzi onogumbe okonakalisa inyama yonke.
  
16. Umnyama woba semafini ke, ndiwukhangele, ndikhumbule umnqophiso ongunaphakade phakathi koThixo nayo yonke imiphefumlo ephilileyo, enyameni yonke esehlabathini.
  
17. Wathi uThixo kuNowa, Nguwo lowo umqondiso womnqophiso endiwumisileyo phakathi kwam nayo yonke inyama esehlabathini.
  
18. Ke kaloku oonyana bakaNowa, abaphuma emkhombeni, babengooShem, noHam, noYafete; uHam ke nguyise kaKanan.
  
19. Aba bathathu ngoonyana bakaNowa; balizaza ihlabathi lonke.
  
20. UNowa wathi, engumlimi womhlaba, waqala watyala isidiliya.
  
21. Wasela iwayini, wanxila, wazihluba phakathi kwentente yakhe.
  
22. UHam, uyise kaKanan, wabubona ubuze bukayise, waxelela abakhuluwa bakhe bobabini ngaphandle.
  
23. UShem noYafete bathabatha ingubo, bayibeka emagxeni abo bobabini, baya ngomva, babugubungela ubuze bukayise.
  
24. Wavuka uNowa ewayinini yakhe, wakwazi akwenzileyo unyana wakhe omnci kuye.
  
25. Wathi, Makaqalekiswe uKanan, Abe sisicaka sezicaka kubazalwana bakhe.
  
26. Wathi, Makabongwe uYehova uThixo kaShem, UKanan abe sisicaka kubo.
  
27. UThixo makamvulele uYafete, Ahlale ezintenteni zikaShem, UKanan abe sisicaka kubo.
  
28. Wahlala uNowa emveni konogumbe iminyaka emakhulu mthathu anamanci mahlanu.
  
29. Yonke imihla kaNowa yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mahlanu; wafa ke.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES