Bible Study: FrontPage




 

Haggai, Chapter 2

Bible Study - Haggai 2 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lwamashumi amabini analunye enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova ngoHagayi umprofeti, lisithi,
  
2. Khawuthethe kuZerubhabheli unyana kaShalatiyeli, ibamba lakwaYuda, nakuYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu, nakumasalela abantu, uthi,
  
3. Ngubani na kuni apha oseleyo, owayibonayo le ndlu isesebuqaqawulini bayo bokuqala? Niyibona iyintoni na ke ngoku? Ayinjengento engento na emehlweni enu?
  
4. Noko ke ngoku yomelela, Zerubhabheli, utsho uYehova; womelele, Yoshuwa nyana kaYotsadaki, mbingeleli mkhulu; nomelele, nonke bantu belizwe, utsho uYehova, nisebenze; ngokuba ndinani, utsho uYehova wemikhosi.
  
5. Ilizwi elo, ndanqophisana nani ngalo ekuphumeni kwenu eYiputa, ndisaligcinile, noMoya wam umi phakathi kwenu; musani ukoyika.
  
6. Ngokuba uYehova wemikhosi utsho ukuthi, Kusaya kuba kanye, umzuzwana ke, ndinyikimise izulu, nehlabathi, nolwandle, nomhlaba owomileyo;
  
7. ndizinyikimise zonke iintlanga, zifike izinto ezinqwenelekayo zeentlanga zonke, ndiyizalise le ndlu ngobuqaqawuli; utsho uYehova wemikhosi.
  
8. Isilivere yeyam, igolide yeyam; utsho uYehova wemikhosi.
  
9. Buya kuba bukhulu ubuqaqawuli bamva bale ndlu, ngaphezu kobokuqala, utsho uYehova wemikhosi; kuyo ke le ndawo ndiya kunika uxolo; utsho uYehova wemikhosi.
  
10. Ngosuku lwamashumi omabini anesine lwenyanga yesithoba, ngomnyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova ngoHagayi umprofeti, lisithi,
  
11. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Khawubuze umyalelo kubabingeleli, uthi,
  
12. Yabonani, umntu ephethe inyama engcwele ngesondo lengubo yakhe, afike ngesondo lakhe esonkeni, nasentweni ephekiweyo, nasewayinini, naseolini, nasentweni nokuba yiyiphi edliwayo, yongcwaliseka na? Baphendula ababingeleli bathi, Hayi.
  
13. Wathi ke uHagayi, Ukuba uthe wafika oyinqambi ngenxa yomfi, kwezo zinto zonke, zoba ziinqambi na? Baphendula ababingeleli bathi, Zoba ziinqambi.
  
14. Waphendula uHagayi wathi, Banjalo ke aba bantu, lunjalo ke olu hlanga ebusweni bam; utsho uYehova; unjalo ke wonke umsebenzi wezandla zabo, nento abayisondezayo khona apho iyinqambi.
  
15. Kaloku ke khanigqale, nithabathele kule mini, nibhekise emva, kungekabekwa litye lityeni etempileni kaYehova;
  
16. nithabathele kwelo xesha, xa umntu ebefike esitheni esimilinganiso imashumi mabini, asuke afumane libe linye ishumi; xa ebefika emkhumbini wokukhongozela iwayini, eza kukha imilinganiso emashumi mahlanu, asuke afumane amashumi amabini.
  
17. Ndanibetha ngembabala, nangexoshomba, nangesichotho, kuyo yonke imisebenzi yezandla zenu; noko ke akubangakho namnye kuni ubuyela kum; utsho uYehova.
  
18. Khanigqale, nithabathele kule mini, nibhekise emva, nithabathele kusuku lwamashumi omabini anesine lwenyanga yesithoba kususela kuloo mini yokusekwa kwetempile kaYehova; gqalani ke.
  
19. Isekho yinina imbewu eqongeni? Hayi, akuxakathanga nto, kude kwesa kumdiliya, nomkhiwane, nomrharnate, nomnquma. Ndithabathele kule mini, ndiya kusikelela.
  
20. Kwafika ilizwi likaYehova ngokwesibini kuHagayi, ngosuku lwamashumi omabini anesine enyangeni leyo, lisithi,
  
21. Thetha kuZerubhabheli ibamba lakwaYuda, uthi, Ndiya kulinyikimisa izulu nehlabathi,
  
22. ndiyibhukuqe itrone yezikumkani, ndikutshabalalise ukomelela kwezikumkani zeentlanga; ndizibhukuqe iinqwelo zokulwa nabakhweli bazo, kuwe amahashe nabakhweli bawo; elowo awiswe likrele lowabo.
  
23. Ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, ndiya kukuthabatha, Zerubhabheli nyana kaShalatiyeli, mkhonzi wam, utsho uYehova, ndikumise ngokomsesane wokutywina; kuba ndikunyule; utsho uYehova wemikhosi.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES