Bible Study: FrontPage




 

Hebrews, Chapter 13

Bible Study - Hebrews 13 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Uthando lobuzalwana maluhlale luhleli.
  
2. Musani ukukulibala ukubuka iindwendwe; kuba ngokwenjenjalo inxenye ibuke izithunywa zezulu, ingazi.
  
3. Bakhumbuleleni abakhonkxiweyo, ninge nikhonkxiwe nani; nabo ke baphathwa kakubi, njengokuba nisemzimbeni nani.
  
4. Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba.
  
5. Isimilo senu masibe sesingathandi mali, yanelani zizinto eninazo; kuba etshilo yena ukuthi, Andiyi kukha ndikuyekele; wabuya wathi, Andiyi kukha ndikushiye;
  
6. ngokokude somelele sithi, INkosi ilusizo lwam, andiyi koyika; Wondenza ntoni na umntu?
  
7. Bakhumbuleleni abakhokeli benu, abalithethayo kuni ilizwi likaThixo; nisingasinga impumelelo yehambo yabo, nixelise bona elukholweni lwabo.
  
8. UYesu Kristu ukwanguye izolo, nanamhla, ase nakuwo amaphakade.
  
9. Musani ukuphetshethwa ziimfundiso ngeemfundiso nezingezizo; kuba kuhle ukuba intliziyo iqine lubabalo; kungabi ngeento ezidliwayo, abangancedekanga zizo abo bahamba kuzo.
  
10. Sinesibingelelo thina, abangenagunya lakudla kuso abo bakhonza umnquba.
  
11. Kuba ezo zinto ziphilileyo, zigazi lazo lingeniswa ngenxa yesono kweyona ngcwele nguye umbingeleli omkhulu, imizimba yazo itshiselwa ngaphandle kweminquba.
  
12. Kungoko athe noYesu, ukuze abangcwalise abantu ngelilelakhe igazi, weva ubunzima ngaphandle kwesango.
  
13. Masiphume ke ngoko siye kuye ngaphandle kweminquba, sithwele ingcikivo yakhe.
  
14. Kuba apha asinamzi uhleliyo, singxamele lowo uza kuza.
  
15. Ngoko masithi ngaye sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe.
  
16. Ke ukwenza okuhle nobudlelane, musani ukukulibala; kuba imibingelelo enjalo uyakholiswa kakuhle yiyo uThixo.
  
17. Bathambeleni abakhokeli benu, nibathobele; kuba bona abalali, ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokwabaya kuphendula, ukuze bakwenze oko bevuyile, bengancwini; kuba anisizakali kuko oko.
  
18. Sithandazeleni; kuba sikholosekile kukuthi sinesazela esilungileyo, singa ezintweni zonke singahamba kakuhle.
  
19. Ndiyavuselela ke ngokugqithiseleyo, ukuba nikwenze oko, ukuze ndibuyiselwe kuni kamsinyane.
  
20. Ke kaloku uThixo woxolo, lowo wamvusayo kwabafileyo uMalusi oMkhulu wezimvu, ngegazi lomnqophiso ongunaphakade,
  
21. iNkosi yethu uYesu, wanga anganilungisa, nigqibelele emisebenzini yonke elungileyo, ukuze nikwenze ukuthanda kwakhe, esenza ngaphakathi kwenu oko kukholekileyo emehlweni akhe, ngoYesu Kristu. Kuye makubekho uzuko, luse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
  
22. Ndiyanivuselela ke nina, bazalwana, linyamezeleni ilizwi lovuselelo olu; kuba ke ndinibhalele ngokufutshane.
  
23. Yazini ukuba umzalwana wethu uTimoti ukhululwe; endothi, xa angaba uthe wafika kamsinya, ndinibone ndinaye.
  
24. Babuliseni bonke abakhokeli benu, nabo bonke abangcwele. Bayanibulisa abavela eItaliya.
  
25. Ubabalo malube nani nonke. Amen.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES