Bible Study: FrontPage




 

Hebrews, Chapter 3

Bible Study - Hebrews 3 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ndithi ngoko, bazalwana bangcwele, mabelana ngobizo lwasemazulwini, mondeleni uMpostile, uMbingeleli oMkhulu wovumo lwethu, uKristu Yesu;
  
2. ethembekile kulowo wamenzayo, kwanjengoMoses endlwini yakhe iphela.
  
3. Kuba lo ubalelwe ekuthini ufanelwe luzuko olungaphezu kolukaMoses; ngangokuba lowo wayakhayo indlu, enembeko engaphezu kwayo indlu.
  
4. Kuba yonke into eyindlu inoyakhayo; ke lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.
  
5. Okunene noMoses ebethembekile endlwini yakhe iphela ngokomkhonzi, ukuze bube bubungqina obo bezinto eziya kuthethwa.
  
6. Ke yena uKristu uthembeke ngokonyana phezu kwendlu yakhe; esiyindlu yakhe ke thina, ukuba singaba sithe sakubamba ngokuthe nkqi ukungafihlisi kwethu, neqhayiya lethemba lethu, sada sesa ekupheleni.
  
7. Endithi ke, njengoko atshoyo uMoya oyiNgcwele, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe,
  
8. Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, Njengasengcaphukisweni, ngomhla wolingo entlango;
  
9. Apho bandilingayo ooyihlo, bandicikida, Bayibona imisebenzi yam iminyaka emashumi mane.
  
10. Kungoko ndakruqukayo seso sizukulwana, Ndathi, Bahlala belahleka ngeentliziyo, Abazazi ke bona iindlela zam;
  
11. Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam!
  
12. Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo;
  
13. manivuselelane imihla ngemihla, xa kusathiwa kunamhla, ukuze kungabikho mntu kuni wenziwa lukhuni kukulukuhla kwesono.
  
14. Kuba siba ngamabelana ngoKristu, ukuba sithe ingqalo yokukholosa kwethu sayibamba ngokuthe nkqi, sada sesa ekupheleni;
  
15. ekubeni kusithiwa, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, njengasengcaphukisweni.
  
16. Kuba bathe abathile, bevile, bacaphukisa, phofu ingengabo bonke abo baphumayo eYiputa ngoMoses.
  
17. Yayingoobani na ke awakruquka ngabo iminyaka emashumi mane? Yabingengabo na abo bonayo, bazidumbu zawayo entlango?
  
18. Wafungela oobani na ke, ukuba abayi kungena ekuphumleni kwakhe, ingengabo abo bangevanga?
  
19. Siyabona ke, ukuba babengenakungena, ngenxa yokungakholwa.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES