Bible Study: FrontPage




 

Hebrews, Chapter 8

Bible Study - Hebrews 8 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ke kaloku, eyona nto iyintloko kwezi zinto zithethwayo yile: Sinombingeleli omkhulu onje, othe wahlala phantsi ngasekunene kwetrone yobuKhulu emazulwini,
  
2. ongumbusi wengcwele, nowomnquba wenyaniso owamiswayo yiNkosi, awamiswa ngumntu.
  
3. Kuba wonke umbingeleli omkhulu umiselwa ukuba asondeze iminikelo kwanamadini; ekuthe ngenxa yoko kwafuneka ukuba naye lo abe nento ayisondezayo.
  
4. Kuba okunene, ukuba ebesemhlabeni, ubengayi kukha abe mbingeleli, bekho nje ababingeleli abayisondezayo iminikelo ngokomthetho:
  
5. bona bathi bakhonze umzekelo nesithunzi sezinto zasemazulwini, kwanjengokuba uMoses wayehlatyelwe nguThixo, xa abeza kuwufeza umnquba; kuba wathi, Khangela ukuba uzenze zonke izinto ngokomfuziselo owawuboniswayo entabeni.
  
6. Kodwa kungoku, uzuze umbuso ogqithiseleyo kulowo, kangangokuba engumlamleli womnqophiso olungileyo ngakumbi, wona usekwe phezu kwawona madinga alungileyo.
  
7. Kuba, ukuba ubungenakusoleka lowo wokuqala, ubungayi kufunelwa ndawo owesibini.
  
8. Kuba uthi kubo, esola, Yabona, kuza imihla, itsho iNkosi, Endiya kuzalisekisa phezu kwendlu kaSirayeli, naphezu kwendlu kaYuda, umnqophiso omtsha;
  
9. Ungahambi ngokomnqophiso endawenzela ooyise, Mini ndababamba ngesandla, ukuba ndibakhuphe emhlabeni waseYiputa; Ngokuba bengahlalanga emnqophisweni wam bona, Ndaza nam andabakhathalela; itsho iNkosi;
  
10. Ngokuba nangu wona umnqophiso, endiya kuwenzela indlu kaSirayeli Emva kwaloo mihla, itsho iNkosi: Ndiya kuthi, ndiyibeke imithetho yam engqondweni yabo, Ndiyibhale ezintliziyweni zabo, Ndibe nguThixo kubo, Nabo babe ngabantu kum.
  
11. Kanjalo abayi kukha bafundise elowo ummelwane wakhe, Elowo umzalwana wakhe, esithi, Yazi iNkosi; Ngokuba baya kundazi bonke, Bethabathela komncinane wabo, base komkhulu wabo.
  
12. Ngokuba ndiya kukuxolela ukungalungisi kwabo, Nezono zabo, nokuchasa kwabo umthetho, ndingabi sakukhumbula.
  
13. Ngokuthi oku, Omtsha, uwaluphalisile owokuqala. Ke loo nto yalupheleyo, yalixhego, iseyisondele ekuthini shwaka.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES