Bible Study: FrontPage




 

Hosea, Chapter 9

Bible Study - Hosea 9 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Musa ukuvuya, Sirayeli, ude ugcobe njengezizwe: ngokuba uhenyuzile, wemka kuThixo wakho; uthande utshequ ezandeni zonke zengqolowa.
  
2. Isanda nesixovulelo seoli asiyi kubondla, newayini entsha iya kunidanisa.
  
3. Abayi kuhlala ezweni likaYehova; uEfrayim uya kubuyela eYiputa, badle izinto eziyinqambi eAsiriya.
  
4. Abayi kumthululela uYehova iwayini, ayiyi kuba mnandi kuye nemibingelelo yabo; ukudla kwabo kubo kuya kuba njengesonka sabalilayo. Bonke abakudlayo baya kuba ziinqambi; ngokuba ukudla kwabo kuya kuba kokwabo, akuyi kungena endlwini kaYehova.
  
5. Nothini na ngemini yexesha elimisiweyo, nangemini yomthendeleko kaYehova?
  
6. Kuba, yabonani, bemkile ngenxa yembuqo; iYiputa iya kubabutha, iMofi iya kubangcwaba; izinto zabo ezinqwenelekayo zesilivere ziya kuhluthwa ngamarhawu; yimithi enameva ezintenteni zabo.
  
7. Kufike iimini zokuvelela, kufike iimini zempindezelo; uya kwazi uSirayeli. Umprofeti sisimathane, ngumbhudi indoda enomoya, ngenxa yobukhulu bobugwenxa bakho nokutshutshisa okuninzi.
  
8. Ngumboniseli uEfrayim ngakuThixo wam; umprofeti ngumgibe womthiyeli ezindleleni zakhe zonke, uyintshutshiso endlwini yoThixo wakhe.
  
9. Batshonisile ukonakalisa kwabo, njengokwemihla yaseGibheha; uya kubukhumbula ubugwenxa babo, uya kuzivelela izono zabo.
  
10. Ndamfumana uSirayeli enjengeediliya entlango; ndababona ooyihlo benjengamakhiwane aqalelayo emkhiwaneni, ekuqaleni kwawo; basuka bona baya kuBhahali-pehore, bazahlulela entweni eziintloni, baba yinto enezothe, njengesithandane sabo.
  
11. UEfrayim, uzuko lwakhe luya kubaleka, lumke njengentaka; kungabikho kuzala, nakumitha, nakukhawula.
  
12. Ewe, nokuba bathe bakhulisa oonyana, ndobahlutha abantwana, kungabikho luntu. Yeha ke bona, ekusukeni kwam kubo!
  
13. Ngoko ndazibonela uEfrayim, ukuba abe yiTire, etyelwe ekriweni; kodwa uEfrayim uya kubakhuphela kumbulali oonyana bakhe.
  
14. Banike, Yehova; wobanika ntoni na? Banike isisu esiphumayo, namabele awomileyo.
  
15. Bonke ububi babo buseGiligali; kuba ndaqala ukubathiya khona. Ngenxa yobubi beentlondi zabo, ndiya kubagxotha endlwini yam; andiyi kuphinda ndibathande; bonke abathetheli babo baziinjubaqa.
  
16. Ubethiwe uEfrayim, ingcambu yabo yomile; abayi kuxakatha siqhamo. Nokuba bathe bazala, ndozibulala izinto ezinqwenelekayo zesisu sabo.
  
17. UThixo wam uya kubacekisa, kuba bengamphulaphulanga; baya kuphalaphala ezintlangeni.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES