Bible Study: FrontPage




 

Isaiah, Chapter 2

Bible Study - Isaiah 2 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ilizwi awalibonayo uIsaya unyana ka-Amotsi, ngokusingisele kuYuda neYerusalem.
  
2. Ke kaloku kuya kuthi ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova ivelele ezincotsheni zazo iintaba, izongamele iinduli, zibe ngumsinga ukuya kuyo zonke iintlanga.
  
3. Kuya kuhamba izizwe ezininzi, zithi, Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini kaThixo kaYakobi; asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe. Kuba kuya kuphuma umyalelo eZiyon, nelizwi likaYehova eYerusalem.
  
4. Uya kugweba phakathi kweentlanga, ohlwaye izizwe ezininzi; ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.
  
5. Ndlu kaYakobi, yizani, sihambe ekukhanyeni kukaYehova.
  
6. Kuba ubalahlile abantu bakho, indlu kaYakobi; ngokuba bezele zizinto zasempumalanga, bengamatola njengamaFilisti, bebambene ngezandla nabantwana bezinye iintlanga.
  
7. Ilizwe labo lizele yisilivere negolide; abunakuphela ubuncwane babo. Ilizwe labo lizele ngamahashe; azinakuphela iinqwelo zabo zokulwa.
  
8. Ilizwe labo lizele zizithixo ezingeni; baqubuda kumsebenzi wezandla zabo, kwinto eyenziwe yiminwe yabo.
  
9. Ophantsi uyagoba, nendoda ephakamileyo ithotyelwe phantsi, ungabaxoleli ke.
  
10. Ngena eweni, uziselele eluthulini, ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe.
  
11. Amehlo aqwayingileyo esintu othotywa, noqhankqalazo lwamadoda lusibekeke; nguYehova yedwa owoba yingxonde ngaloo mini.
  
12. Kuba uYehova wemikhosi unemini eyozongamela izinto zonke ezinekratshi, ezinoqhankqalazo; nezinto zonke ezizinyusileyo zithotywe nezinto zonke ezisinyusileyo zithotywe ke.
  
13. Woyongamela imisedare yonke yaseLebhanon, emide, ezinyusileyo,
  
14. nezonke ezinde, neenduli zonke ezizinyusileyo;
  
15. neenqaba zonke eziphakamileyo, neendonga zonke ezinqatyisiweyo;
  
16. neenqanawa zonke zaseTarshishe, nezinto zonke ezibonakala zinqweneleka.
  
17. Kosibekeka ukuzidla kwaba baphantsi, kuthotywe ukuqhankqalaza kwamadoda aphakamileyo. NguYehova yedwa owoba yingxonde ngaloo mini;
  
18. izithixo ezingeni zothi shwaka zonke ziphela.
  
19. Bongena emiqolombeni yamawa nasemingxunyeni yomhlaba ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe, ekuphakameni kwakhe ukuba angcangcazelise ilizwe.
  
20. Ngaloo mini umntu uya kuziphosa ezintukwini nasemalulwaneni izithixo zakhe ezingeni zesilivere, nezithixo zakhe ezingeni zegolide, abamenzelayo ukuze aqubude kuzo;
  
21. ukuze angene ezimfanteni zamawa nasemiqhokrweni yeengxondorha, ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe, ekuphakameni kwakhe ukuba angcangcazelise ilizwe.
  
22. Khanimyeke umntu omphefumlo usemathatheni akhe; ngokuba kuthiwa, Uyintoni na?


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES