|
|
Isaiah, Chapter 20
1. Ngomnyaka wokuza kukaTartan eAshdode, ethunywe nguSargon, ukumkani waseAsiriya (walwa neAshdode, wayithimba), ngelo xesha,
2. wathetha uYehova ngoIsaya unyana ka-Amotsi, esithi, Yiya ukhulule ingubo erhwexayo emanqeni akho, uzikhulule iimbadada ezinyaweni zakho. Wenjenjalo ke, wahamba ze, engenazo neembadada.
3. Wathi ke uYehova, Njengokuba umkhonzi wam uIsaya ehambe ze, engenambadada, iminyaka emithathu, waba ngumqondiso nesimanga kwiYiputa nakwaKushi:
4. uya kwenjenjalo ukumkani waseAsiriya ukubaqhuba abathinjiweyo baseYiputa, nabafudusiweyo bakwaKushi, abantwana namadoda amakhulu, beze, bengenambadada, behamba ngeempundu, intoleyo eziintloni kwiYiputa.
5. Baya kuqhiphuka umbilini badane nguKushi, inqolonci yabo, nayiYiputa, iqhayiya labo;
6. bathi ke abemi bolo nxweme ngaloo mini, Yabonani, inje inqolonci yethu, esasabela kuyo ukuba sincedwe, sihlangulwe kukumkani waseAsiriya; singathini na ke ukusinda thina?
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|