Bible Study: FrontPage




 

Isaiah, Chapter 34

Bible Study - Isaiah 34 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Sondelani, zintlanga, nive; nibaze iindlebe, zizwe; malive ihlabathi nenzaliseko yalo; elimiweyo, neziveliso zonke eziveliswa lilo.
  
2. Ngokuba uburhalarhume bukaYehova buphezu kweentlanga zonke, nobushushu bakhe buphezu komkhosi wazo wonke; uzisingele phantsi, uzinikele ekusikweni.
  
3. Baya kulahlwa ababuleweyo bazo, nezidumbu zabo kunyuke ukunuka kwazo, kunyibilike iintaba ligazi lazo.
  
4. Uya kuvunda wonke umkhosi wezulu, lisongwe izulu njengencwadi, wonke umkhosi walo ubune njengokubuna kwegqabi emdiliyeni, njengokubuna kwegqabi emkhiwaneni.
  
5. Ngokuba lisele lahlutha ezulwini ikrele lam; yabona, lihla phezu koEdom, naphezu kwabantu endibasingele phantsi, ibe ngumgwebo.
  
6. Ikrele likaYehova lizele ligazi, lityetyiswe ngamanqatha, ligazi leemvana neleebhokhwe, ngamanqatha ezintso zeenkunzi zeegusha; ngokuba uYehova unombingelelo eBhotsera, nokuxhela okukhulu ezweni lakwaEdom.
  
7. Kuya kuhla inqu kunye nazo, iinkunzi ezintsha kunye neenkabi, lisele lihluthe ilizwe labo ligazi, lutyetyiswe uthuli lwabo ngamanqatha.
  
8. Kuba uYehova unomhla wempindezelo, unomnyaka wembuyekezo, wokuthethelela iZiyon.
  
9. Yoguquka imilambo yabo ibe yitela, uthuli lwabo lube yisulfure, ilizwe labo libe yitela etshayo.
  
10. Aliyi kucinywa ubusuku nemini; umsi walo uya kunyuka ngonaphakade; liya kuchithakala kwisizukulwana ngesizukulwana; liya kuhlala lihleli lodwa, kungabikho ucanda kulo.
  
11. Loba lilifa lengcwangube nokhwalimanzi, kuhlale kulo ifubesi nehlungulu, olule phezu kwalo ulutya lokulinganisa lwakwanyanyeni, nelothe yokulungelelanisa yakwalubala.
  
12. Abanumzana balo—akuyi kuba sabakho babiza bukumkani kubo, bonke abathetheli balo babe yinto engekhoyo.
  
13. Iingxande zalo ezinde ziya kumila into enameva, amarhawu namakhakakhaka ezinqabeni zalo ezinkulu, libe sisikhundla seempungutye nedlelo leenciniba.
  
14. Kohlangabezana amarhamncwa omqwebedu neempungutye, into elixhonti ikhawulelane nowayo; ewe, into yasebusuku iya konwaba khona, izifumanele ukuphumla.
  
15. Kulapho iya kwenzela khona indlu inyoka ejubayo, izale amaqanda, ifukame emthunzini khona; ewe, khona apho baya kubutha oontloyiya, elowo nowabo.
  
16. Funani encwadini kaYehova, nilese. Akukho nanye kuzo ezo zinto iya kusala, eya kusilela kuwayo; ngokuba ngumlomo wam oziwisele umthetho, ngumoya wawo ozibuthileyo.
  
17. Nguye ozirholele iqashiso, isandla sakhe sazabela lona ngolutya lokulinganisa; ziya kulidla ilifa kudekuse ephakadeni, zihlale kulo kwisizukulwana ngesizukulwana.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES