Bible Study: FrontPage




 

Isaiah, Chapter 36

Bible Study - Isaiah 36 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Kwathi ngomnyaka weshumi elinesine wokumkani uHezekiya, kwenyuka uSaneribhe ukumkani waseAsiriya, waya kuyo yonke imizi yakwaYuda enqatyisiweyo, wayithimba.
  
2. Ukumkani waseAsiriya wasusa uRabheshake eLakishe, ukuba aye eYerusalem kukumkani uHezekiya, enempi enzima. Wafika wema emjelweni wechibi lasentla, ongasemendweni wentsimi yomsuki weengubo.
  
3. Kwaphuma kwaya kuye uEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu.
  
4. Wathi kubo uRabheshake, Khanithi kuHezekiya, Utsho ukumkani omkhulu, ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Yeyani na le nkoloseko ukholose ngayo?
  
5. Ndithi mna, lilizwi lomlomo wodwa iqhinga lakho nobugorha bakho bemfazwe; okungoku ke ukholose ngabani na, ugwilike kum nje?
  
6. Uyabona, ukholose ngaloo msimelelo wengcongolo evikivekileyo, iYiputa, ethi, othe wayama ngayo, ingene esandleni sakhe, imhlabe; unjalo uFaro ukumkani weYiputa kubo bonke abakholose ngaye.
  
7. Ke ukuba uthi kum, Sikholose ngoYehova uThixo wethu, ndithi, Asinguye na lo uziganga nezibingelelo azisusileyo uHezekiya, wathi kumaYuda nakwiYerusalem, Ize niqubude phambi kwesi sibingelelo sodwa?
  
8. Khawubekelane kaloku nenkosi yam, ukumkani waseAsiriya; ndokunika amawaka amabini amahashe, ukuba unako ngecala lakho ukukhupha abakhweli bokukhwela kuwo.
  
9. Wothini na ukubujika ubuso benkosana enye, yakubo abancinane babakhonzi benkosi yam, ukholose ngeYiputa, ngeenqwelo zokulwa nangabamahashe?
  
10. Ngokunje ndinyuke ndeza kulonakalisa eli lizwe, ndingenaye uYehova, yini na? UYehova uthe kum, Nyuka uye kweli lizwe, ulonakalise.
  
11. Bathi ooEliyakim noShebhena noYowa kuRabheshake, Khawuthethe kubakhonzi bakho ngesiAram, kuba sisiva sona; musa ukuthetha kuthi ngesiYuda ezindlebeni zabantu abaseludongeni.
  
12. Wathi uRabheshake, Inkosi yam indithume ukuba ndiwathethe la mazwi enkosini yakho nakuwe, yini na? Asikula madoda ahleli eludongeni yini na, ukuze adle ilindle lawo, asele umchamo wawo nani?
  
13. Wema uRabheshake, wadanduluka ngezwi elikhulu ngesiYuda, wathi, Waveni amazwi okumkani omkhulu, okumkani waseAsiriya.
  
14. Uthi ukumkani, Makanganilukuhli uHezekiya, ngokuba akayi kuba nako ukunihlangula.
  
15. Makanganikholosisi ngoYehova uHezekiya, esithi, Inene, uya kusihlangula uYehova; lo mzi awusayi kunikelwa esandleni sokumkani waseAsiriya.
  
16. Musani ukumphulaphula uHezekiya, ngokuba utsho ukumkani waseAsiriya ukuthi, Xolisanani nam, niphume nize kum, nidle elowo umdiliya wakhe, elowo umkhiwane wakhe, nisele elowo amanzi equla lakhe;
  
17. ndide ndize ndinise ezweni elinjengelizwe lenu, ilizwe lengqolowa newayini entsha, ilizwe lesonka nezidiliya.
  
18. Ize nilumke hleze aninyange uHezekiya, esithi, UYehova uya kusihlangula. Oothixo beentlanga balihlangule na elowo ilizwe lakhe esandleni sokumkani waseAsiriya?
  
19. Baphi na oothixo baseHamati neArpadi? baphi na oothixo baseSefarvayim, ukuba bangabi balihlangule elakwaSamari esandleni sam?
  
20. Nguwuphi na koothixo bonke bala mazwe olihlanguleyo ilizwe lakhe esandleni sam, ukuba ade uYehova ayihlangule iYerusalem esandleni sam?
  
21. Bathi tu, abamphendula nazwi; ngokuba umthetho wokumkani wona ubusithi, Nize ningamphenduli.
  
22. Weza ke uEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, kuHezekiya, bezikrazule iingubo zabo, bamxelela amazwi kaRabheshake.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES