Bible Study: FrontPage




 

Isaiah, Chapter 53

Bible Study - Isaiah 53 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ngubani na okholiweyo ludaba lwethu, nengalo kaYehova ityhileke kubani na?
  
2. Kuba yena umkhonzi unyuka njengegatya phambi kwakhe, njengehlumelo eliphuma ezweni elingumqwebedu, engenasithomo nabungangamela; sakukhangela, akwabakho kubonakala ukuba masimnqwenele.
  
3. Udeliwe, ushiyiwe ngabantu; yindoda enomvandedwa, eqhelene nesifo wanga ngulowo kusitheliswa kuye ubuso, udeliwe, thina ke asambeka.
  
4. Okwenene, uzithabathele phezu kwakhe izifo zethu, wathwala umvandedwa wethu, ke thina besiba ungobandezelwayo nguThixo, ungocinezelwa nguye.
  
5. Kanti yena uhlatywe ngenxa yezikreqo zethu, watyunyuzwa ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa; ubetho lokuba sibe noxolo thina lube luphezu kwakhe; siphiliswe ngemivumbo yakhe.
  
6. Thina zonke salahleka njengeegusha, sabheka elowo endleleni yakhe, waza uYehova wamwela ngobugwenxa bethu sonke.
  
7. Wakhandaniswa, wazithoba, engawuvuli umlomo wakhe, njengemvana esiwa ekuxhelweni; nanjengegusha esisidenge phambi kwabachebi bayo, akawuvula umlomo wakhe.
  
8. Uthatyathwe ekuxinweni nasematyaleni; esizukulwaneni sakhe ngubani na owathelekelela ukuthi, unqanyulwe ezweni labaphilileyo, ubandezelwe ngenxa yesikreqo sabantu bakowethu?
  
9. Lamiswa nawaboni ingcwaba lakhe—ke laba nosisityebi, akuba efile; ekubeni engenzanga lugonyamelo, kungabangakho nkohliso emlonyeni wakhe.
  
10. UYehova ke wathanda ukumtyumza nokumvisa isifo. Xa uthe umphefumlo wakhe wawenza idini letyala, woyibona imbewu yakhe, abe nemihla emide; ukuthanda kukaYehova kube nempumelelo ngesandla sakhe.
  
11. Ngokwaphuka komphefumlo wakhe wobona, aneliswe; ngokwazi kwakhe, umkhonzi wam olilungisa uya kugwebela abaninzi, athwale yena izenzo zabo ezigwenxa.
  
12. Ngako oko ndiya kumahlulela isahlulo nabakhulu, alabe nabanegunya ixhoba, ngethuba lokuba ewuminyele ekufeni umphefumlo wakhe, wavuma ukubalelwa kubakreqi, akubon’ ukuba usithabathile phezu kwakhe isono sabaninzi, ebathandazele abakreqi.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES