Bible Study: FrontPage




 

Isaiah, Chapter 55

Bible Study - Isaiah 55 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Wenani! Nonke nina ninxaniweyo, yizani emanzini, nabangenamali; yizani, thengani nidle; yizani, thengani iwayini namasi, ningenani, ningenamali.
  
2. Yini na ukuba nilinganisele imali ngento engesonka, nokuxelenga kwenu ngento engahluthisiyo? Phulaphulani kum ninyameke, nidle okulungileyo, umphefumlo wenu uxhamle ukutyeba.
  
3. Thobani iindlebe zenu, nize kum; yivani, uphile umphefumlo wenu; ndenze umnqophiso ongunaphakade nani, iinceba zikaDavide ezinyanisekileyo.
  
4. Yabona, ndimenze ingqina ezizweni, inganga nomwisimethetho ezizweni.
  
5. Yabona, uya kubiza uhlanga ongalwaziyo, uhlanga olungakwaziyo wena lugidimele kuwe, ngenxa kaYehova uThixo wakho, ngenxa yoyiNgcwele kaSirayeli, kuba ekuhombisile.
  
6. Funani uYehova esenokufunyanwa; mbizeni esekufuphi.
  
7. Ongendawo makashiye indlela yakhe, indoda enobutshinga mayishiye iingcinga zayo, ibuyele kuYehova: woba nemfesane kuyo; ibuyele kuThixo wethu ngokuba woxolela ngokukhulu.
  
8. Kuba iingcinga zam asizizo iingcinga zenu, neendlela zenu asizizo iindlela zam, utsho uYehova.
  
9. Inene, njengokuba izulu liwuphakamele umhlaba, ngokunjalo iindlela zam ziziphakamele iindlela zenu, neengcinga zam ziziphakamele iingcinga zenu.
  
10. Kuba, njengokuba kusihla imvula nekhephu ezulwini, ingabuyeli kulo ingathanga iwunyakamise umhlaba uvunde, iwuhlumise, iwenze untshule, imnike imbewu umhlwayeli, imnike isonka odlayo:
  
11. liya kuba njalo ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam; aliyi kubuyela kum lilambatha, lingakwenzanga endikuthandayo, lingakuphumelelisanga oko ndilithumela kuko.
  
12. Kuba niya kuphuma ninovuyo, nithundezwe ninoxolo. Iintaba neenduli ziya kugqabhuka zimemelele phambi kwenu, imithi yasendle ibethe izandla.
  
13. Esikhundleni somqaqoba kuya kuphuma imisedare, esikhundleni serhawu kuya kunyuka imimirtile; oko kube ligama kuYehova, nomqondiso ongunaphakade ongayi kunqanyulwa.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES