Bible Study: FrontPage




 

Jeremiah, Chapter 21

Bible Study - Jeremiah 21 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, ekuthumeni kokumkani onguZedekiya ooPashure unyana kaMalekiya, noZefaniya unyana kaMahaseya, umbingeleli, kuye, ukuthi,
  
2. Khawusibuzele kuYehova, ngokuba uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, esilwa nathi; mhlawumbi uYehova wosenzela ngokwemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo, enyuke esuke kuthi yena.
  
3. Wathi uYeremiya kubo, Notsho kuZedekiya ukuthi,
  
4. Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiyazijika iimpahla zemfazwe ezisezandleni zenu, enilwa ngazo nokumkani waseBhabheli, namaKaledi aningqingayo, ngaphandle kodonga, ndizihlanganisele esazulwini salo mzi.
  
5. Ndiya kulwa nani mna ngesandla esolukileyo, nangengalo ethe nkqi, ndinomsindo, ndinobushushu, ndinoburhalarhume obukhulu.
  
6. Ndiya kubabetha abemi balo mzi, abantu kwaneenkomo; baya kufa yindyikitya yokufa enkulu.
  
7. Emveni koko, utsho uYehova, ndomnikela uZedekiya ukumkani wakwaYuda, nabakhonzi bakhe, nabantu abo baseleyo kulo mzi, endyikityeni yokufa, nasekreleni, nasendlaleni; ndibanikele esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, nasesandleni seentshaba zabo, nasesandleni sabawufunayo umphefumlo wabo; ababethe ngohlangothi lwekrele; akayi kuba nanceba kubo, akayi kubaconga, akayi kuba namfesane.
  
8. Ke kwaba bantu wothi, Utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndibeka phambi kwenu indlela yobomi nendlela yokufa.
  
9. Othe wahlala kulo mzi uya kufa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa; ke yena othe waphuma, waphambela kumaKaledi aningqingayo, uya kuphila umphefumlo wakhe, ube lixhoba kuye.
  
10. Ngokuba ubuso bam kulo mzi ndibumisele ububi, andibumisele okulungileyo, utsho uYehova; uya kunikelwa esandleni sokumkani waseBhaheli, awutshise ngomlilo.
  
11. Ke kwindlu yokumkani wakwaYuda wothi, Yivani ilizwi likaYehova.
  
12. Ndlu kaDavide, utsho uYehova ukuthi, Thethani amatyala imiso yonke, ophangiweyo nimhlangule esandleni somcudisi, hleze ubushushu bam buphume njengomlilo, butshise, kungabikho ucimayo ngenxa yobubi beentlondi zenu.
  
13. Yabonani, ndichasene nani, bemi bentili, beliwa lehewu, utsho uYehova; nina bathi, Ngubani na oya kuhla phezu kwethu? ngubani na oya kusingenela emakhaya?
  
14. Ke ndonivelela ngokwesiqhamo seentlondi zenu, utsho uYehova; ndifake isikhuni ehlathini layo, udle umlilo ngeenxa zonke kuyo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES