Bible Study: FrontPage




 

Jeremiah, Chapter 24

Bible Study - Jeremiah 24 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. UYehova wandibonisa, nanzo iingobozi ezimbini zamakhiwane, zibekiwe phambi kwetempile kaYehova; emveni kokuba uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli ebebathimbile ooYekoniya unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, nabathetheli bakwaYuda, nengcibi, nabakhandi, ebasusa eYerusalem, ebasa eBhabheli.
  
2. Enye ingobozi ibinamakhiwane alungileyo kakhulu, enjengamakhiwane aziintlahlela ekuvuthweni; enye ingobozi ibinamakhiwane amabi kunene, angenakudliwa ngobubi bawo.
  
3. Wathi ke uYehova kum, Ubona ntoni na, Yeremiya? Ndathi, Amakhiwane; amakhiwane alungileyo, elunge kunene; amabi emabi kunene, engenakudliwa ngobubi bawo.
  
4. Kwafika kum ilizwi likaYehova, lisithi,
  
5. Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Njengaloo makhiwane alungileyo, ndiya kwenjenjalo ukubakhangelela okulungileyo abathinjiweyo bakwaYuda endibagxothileyo kule ndawo, baya ezweni lamaKaledi.
  
6. Ndiya kulimisela okulungileyo iliso lam kubo, ndibabuyisele kweli lizwe, ndibakhe, ndingabagungxuli; ndibatyale, ndingabanyothuli.
  
7. Ndobanika intliziyo yokundazi, ukuba ndinguYehova, babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo; ngokuba baya kubuyela kum nentliziyo yabo yonke.
  
8. Ke, njengamakhiwane amabi angenakudliwa ngobubi, inene, utsho uYehova ukuthi, Ndiya kumenza abe njalo uZedekiya ukumkani wamaYuda, nabathetheli bakhe, namasalela aseYerusalem aseleyo kweli lizwe, nahleliyo ezweni lamaYiputa.
  
9. Ndiya kubanikela kwizikumkani zonke zehlabathi, ukuba babe yinto yokunqakulisa, babe nobubi, babe sisingcikivo, nomzekeliso, nento yentsini neyokutshabhiswa ezindaweni zonke endibagxothela khona.
  
10. Ndolithuma phakathi kwabo ikrele, nendlala, nendyikitya yokufa, bade bagqitywe, baphele emhlabeni endawunika bona nooyise.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES