Bible Study: FrontPage




 

Jeremiah, Chapter 42

Bible Study - Jeremiah 42 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Basondela bonke abathetheli bezimpi: ooYohanan unyana kaKareha, noYezaniya unyana kaHoshaya, nabantu bonke, bethabathela komncinane base komkhulu.
  
2. Bathi kuYeremiya umprofeti, Ukutarhuzisa kwethu makhe kuwe phambi kwakho, usithandazele kuYehova uThixo wakho, uthandazele la masalela onke; ngokuba sisele sambalwa, besibaninzi, njengoko asibonayo amehlo akho;
  
3. uYehova uThixo wakho asixelele indlela esingahamba ngayo, nento esingayenzayo.
  
4. Wathi uYeremiya umprofeti kubo, Ndivile; yabonani, ndiya kuthandaza kuYehova uThixo wenu ngokwamazwi enu; kuthi onke amazwi aniphendule ngawo uYehova, ndinixelele; andiyi kunivimba lizwi.
  
5. Bathi bona kuYeremiya, UYehova makabe lingqina elinyanisileyo, elithembekayo, ngathi, ukuba asithanga senze ngokwelizwi lonke, awokuthuma lona kuthi uYehova uThixo wakho.
  
6. Nokuba lilungile, nokuba libi, siya kuliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wethu, esikuthumela kuye; ukuze kulunge kuthi, xa siliphulaphulayo ilizwi likaYehova uThixo wethu.
  
7. Kwathi ekupheleni kwemihla elishumi, kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya.
  
8. Wabiza uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ababenaye, nabantu bonke, bathabathela komncinane, besa komkhulu.
  
9. Wathi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, enindithumele kuye, ukuba ndiwise ukutarhuzisa kwenu phambi kwakhe, ukuthi,
  
10. Ukuba nithe nahlala kweli lizwe, ndonakha, ndinganigungxuli; ndonityala, ndinganinyothuli; ngokuba ndiyazohlwaya ngenxa yobubi endibenzileyo kuni.
  
11. Musani ukumoyika ukumkani waseBhabheli, lowo nimoyikayo; musani ukumoyika, utsho uYehova; ngokuba ndinani, ukuba ndinisindise, ndinihlangule esandleni sakhe.
  
12. Ndiya kunenzela imfesane, abe nemfesane kuni, anibuyisele emhlabeni wakowenu.
  
13. Ke ukuba nithe, Asisayi, kuhlala kweli lizwe, analiphulaphula izwi likaYehova uThixo wenu, nathi,
  
14. Hayi, thina siya kuya ezweni leYiputa, ukuze singabonani namfazwe, singaliva nezwi lesigodlo, singalambeli sonka, sihlale khona ke:
  
15. ngako oko kaloku liveni ilizwi likaYehova, masalela akwaYuda. Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ukuba nithe nabubhekisa kwaphela ubuso benu eYiputa, naya kuphambukela khona, ikrele,
  
16. eniloyikayo, lonifikela nakhona ezweni leYiputa; nendlala leyo, ninesithukuthezi ngayo, yothi nama kuni ukunilandela eYiputa, nifele khona.
  
17. Namadoda onke, abubhekise ubuso bawo eYiputa, ukuba aphambukele khona, aya kufa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa, kungasali nanye kuwo, isindayo ebubini endiwazisela bona.
  
18. Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Njengoko waphalazekayo umsindo wam nobushushu bam phezu kwabemi baseYerusalem, buya kwenjenjalo ukuphalazeka ubushushu bam phezu kwenu ekuyeni kwenu eYiputa; nibe yintshwabulo, nesimanga, nentshabhiso, nesingcikivo, ningabi sayibona le ndawo.
  
19. UYehova uthethile kuni, masalela akwaYuda; musani ukuya eYiputa; yazini nazi, ukuba ndiqononondisile ukuthetha kuni namhla.
  
20. Ngokuba niyikhohlisile imiphefumlo yenu. Xa nindithumele kuYehova uThixo wenu, nisithi, Sithandazele kuYehova uThixo wethu; njengoko konke awokuthetha kuthi uYehova uThixo wethu, sixelele njengoko, sokwenza;
  
21. ndinixelele ke namhla. Ke aniliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wenu ngako konke awandithumelayo ngako kuni.
  
22. Kungokunje yazini ukuba niya kufa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa, kuloo ndawo ningxamele ukuya kuyo, ukuba niphambukele kuyo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES