Bible Study: FrontPage




 

Job, Chapter 21

Bible Study - Job 21 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Waphendula uYobhi, wathi,
  
2. Yivani, nikuve ukuthetha kwam; Kube ziintuthuzelo zenu oku.
  
3. Ndithwaleni, ndithethe nam; Nigculele emva kwamazwi am.
  
4. Mna, inkalazo yam isemntwini yini na? Khona bekungani ukuba ungazekaneki umoya wam?
  
5. Bhekani kum, nimangaliswe; Bekani isandla emlonyeni.
  
6. Okunene, ndakukhumbula, ndisuka ndikhwankqiswe, Nenyama yam ibanjwe kukududuzela.
  
7. Yini na ukuba abangendawo badle ubomi, Babe badala, kananjalo bomelele, babe namandla?
  
8. Imbewu yabo iqinile phambi kwabo, inabo; Nabaphume embilinini wabo basemehlweni abo.
  
9. Izindlu zabo zinoxolo, kungekho kunkwantya, Nentonga kaThixo ayibafikeli.
  
10. Inkunzi yabo iyazeka ingahlohleli; Imazi yabo iyazala ingaphunzi.
  
11. Bayawakhuphela njengomhlambi amakhwenkwe abo, Nabantwana babo bayadloba.
  
12. Baphakamisa ilizwi benengqongqo nohadi, Bavuye lilizwi logwali.
  
13. Bayayigqiba imihla yabo ngokuchwayitha, Behle ngephanyazo ukuya kwelabafileyo.
  
14. Bathi kuThixo, Suka kuthi, Asikunanzile ukuzazi iindlela zakho.
  
15. Uyini na uSomandla, ukuba simkhonze? Kusinceda ntoni na ukumjoka?
  
16. Yabona, azisesandleni sabo izinto zabo ezilungileyo; Iqhinga labangendawo malibe lee kum.
  
17. Kukangaphi na ke isibane sabangendawo sicinywa? Kubafikela ukusindeka kwabo? Ababele uThixo izintya ngomsindo wakhe?
  
18. Babe njengengca enqunqiweyo phambi komoya, Njengomququ ohlaselwa sisaqhwithi?
  
19. Nithi, UThixo ububekela abantwana babo ubutshinga babo. Makabuphindezele kubo ngokwabo, bazi bona;
  
20. Makayibone inkxwaleko yabo amehlo abo, Babusele ubushushu boSomandla.
  
21. Ngokuba bayinanze ngani bona indlu yabo emva kwabo, Lakuqhitshulwa inani leenyanga zabo?
  
22. Uya kufundiswa ukwazi uThixo na, Lowo ugweba abaphezulu?
  
23. Omnye ufa emandleni okwakhe ukuphila, Onwabile kanye, echulumachile.
  
24. Iimvaba zakhe zizele ngamasi, Nomongo wamathambo akhe utyebile.
  
25. Omnye ufa ukrakra umphefumlo wakhe, Engadlanga zinto zilungileyo.
  
26. Balala ndawonye eluthulini, Iimpethu ziyabagubungela bobabini.
  
27. Yabona, ndiyazazi iingcinga zenu, Namayelenqe enindigonyamela ngawo.
  
28. Xa nithi, Iphi na indlu yesibhovubhovu? Iphi na intente ebalulekileyo yabangendawo?
  
29. Anibuzanga na kwabadlula ngendlela? Imiqondiso yabo ninako na ukuyikhanyela?
  
30. Ukuba ngemini yokusindeka wanqandwa ongendawo, Ngemini yokuphuphuma umsindo wemkiswa?
  
31. Ngubani na ongaxela ebusweni bakhe indlela yakhe? Enze into yena, ngubani na oya kuphindezela kuye?
  
32. Usiwa emangcwabeni yena, Alinde esigangeni.
  
33. Anencasa kuye amagada esihlambo; Emva kwakhe kulandela lonke uluntu, Nangaphambi kwakhe belungenakubalwa.
  
34. Ningathini na ke ukundithuthuzela ngeento ezingento, limpendulo zenu zisele zibubumenemene nje?


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES